bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
James 4
James 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
1
ZIVELA pina imfazwe nembambano pakati kwenu? Aziveli kwa lapa na, kwa seziyolweni zenu ezilwayo pakati kwamalungu enu?
2
Niyakanuka, kanti aninanto; niyabulala, niyazondela nokuzondela, kanti aningezuze; niyabambana nenze imfazwe, kodwa aninanto, ngenxa yokuba ningaceli.
3
Niyacela, ningamkeli ke, ngokuba nicela kakubi, ukuze nici̔tele eziyolweni zenu.
4
Nina baṙexezi nabaṙexezikazi! anazi na ukuba ubuhlobo nelilizwe bububutshaba notixo? Ngako osukuba efuna ukunga angaba sisihlobo selilizwe, uhlala elutshaba lukatixo.
5
Niba isiba̔lo sifumana siteta na? Umoya omiyo kuti uyakanuka ngomona na?
6
Kodwa uyapa ufefe olukulu ngakumbi. Sitsho ngoko ukuti: Utixo uyamelana nabaner̔atshi, kodwa abatobekileyo uyabapa ufefe.
7
Ngako ke lulamelani kuye utixo. Maleni u‐Satane, waeya kunibaleka.
8
Sondelani kutixo, waeya kusondela kuni. Hlambululani izandla, nina boni! nizicokise intliziyo, nina bantliziyo mbini!
9
Yibani lusizi, nilile, nenze isijwili. Ukuhleka kwenu makuguqulwe kube kukulila, nokuvuya kwenu kube kukukedama.
10
Zitobeni ebusweni bayo inkosi, yaiya kunipakamisa.
11
Ningahlebani, bazalwana! Omhlebayo umzalwana wake, amgwebe umzalwana wake, uyawuhleba umteto, awugwebe umteto: kodwa ukuba uyawugweba umteto, akunguye umenzi womteto, unguye umgwebi.
12
Kuko umnikamteto emnye, onamandla okusindisa nokububisa: ungubanina wena ogweba omnye umntu?
13
Yizani kaloku nina nitshoyo ukuti: Soya namhla umhlaumbi ngomso esixekweni salapa, senze kona umnyaka ube mnye, sitengise, siqwebe inzuzo;
14
ningakwazi nje kanti okwangomso: ngokuba bunjanina ubomi benu? bukwa yiyo inkungu ebonakalela ixeshana elincinane, ize yand’ ukuti shwaka:
15
endaweni yokutsho kwenu ukuti: Ukuba inkosi iyatanda, sesiya kuti sipile, sikwenze oku umhlaumbi oko.
16
Kodwa kaloku niyaqa̔yisa ekuzidleni kwenu: konke ukuqa̔yisa okunjalo kukohlakele.
17
Ngako owaziyo ukwenza okulungileyo, angakwenzi ke, kusisono kuye.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5