bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Philippians 1
Philippians 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
1
UPAULUSI no‐Timote, izicaka zika‐Yesu Kristu, kubo bonke abangcwele ku‐Kristu Yesu abase‐Filipi, kunye nabalindi nabakonzi:
2
Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
3
Ndiyabulela kutixo wam pezu kwako konke ukunikumbula kwam,
4
ndisenza ukukunga kwam ngovuyo, ngamaxesha onke, kuzo zonke izikungo zam ngenxa yenu nonke,
5
pezu kwobudlelana benu ngakuyo ivangeli kuselokwomhla wokuqala kwada kwakaloku nje;
6
ndinokutemba kwa yona lento, ukuba lowo uqalileyo kuni umsebenzi olungileyo, uya ku wu feza kude kube ngumhla ka‐Yesu Kristu;
7
kwa njengokuba kufanelekile kum ukuba ndikumbule oku ngani nonke, ngenxa yokuba ndinani entliziyweni yam; nina nonke nje, nasekubanjweni kwam, nakuko ukutetelela nokuqinisa ivangeli, ningababelwa kolwam ufefe kunye nam.
8
Ngokuba utixo elinqi̔na lam, ukuba nditi nina ukunilangazelela nonke embilini ka‐Yesu Kristu.
9
Kanjalo oku ndiyakutandazela, ukuba utando lwenu lukolise ukwanda ngento enkulu kakulu ngakumbi ekwazini na kuko konke ukuva,
10
ukuze niziqiqe izinto ezigqitiseleyo, ukuba nibe ningcwengekile ningenatyala kude kube semhleni ka‐Kristu;
11
nizalisiwe ziziqa̔mo zobulungisa, ezingaye u‐Yesu Kristu, kube kukudunyiswa nokubongwa kukatixo.
12
Kekaloku ndifuna ukunga ningazi, bazalwana! ukuba indawo zam zihlele ukuhanjiswa kwevangeli ngapezu kwokutintelwa kwayo;
13
ide yati imibambo yam yaba ibonakala ku‐Kristu kuyo yonke ilali yomkosi wakomkulu, nakubo bonke abanye;
14
nokuba into eninzi yabo abazalwana, bezuza itemba enkosini ngemibambo yam, bayakalipa kakulu ngakumbi ukuliteta ilizwi bengenakwoyika.
15
Inxenye okunene iyashumayela u‐Kristu ngenxa yomona nepike, nenxenye kanjalo ngenxa yenkolelo:
16
abanye ke bayashumayela u‐Kristu ngenkani, beng enzi ngendawo engcwengileyo, beba baya kwongezelela ubunzima emibanjweni yam;
17
kodwa abanye bayamshumayela ngotando, besazi ukuba ndimiselwe ukutetelela ivangeli.
18
Yinto nina pofu? noko ngendawo zonke, nokuba kungokuzenzisa, nokuba kungenyaniso, u‐Kristu uyashunyayelwa; nakuko oku ndiyavuya, ewe, ndoman’ ukuvuya kanjalo.
19
Ngokuba ndisazi ukuba oku kwoba yinzuziso yosindiswa lwam, ngako ukukunga kwenu nokwonga kwomoya ka‐Yesu Kristu,
20
njengokwokulangazelela nokutemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto, koko ukuba ngokukalipa konke, njengasemaxesheni onke, kwa njalo nakaloku, u‐Kristu uya kuzukiswa emzimbeni wam, nokuba kungokudliwa kwobomi, nokuba kungokufa.
21
Ngokuba kum ukudla ubomi kungu‐Kristu, nokufa kuyinzuzo.
22
Kodwa ukuba ukudla ubomi enyameni, ukuba oku kusisiqa̔mo somsebenzi wam, sendingazi ke ukuba ndiya kuqasha nto nina.
23
Ngokuba ndixingiswa zezizinto zombini, ndinayo inkanuko yokunduluka, nokubako no‐Kristu; ngokuba oko kugqitisile kakulu ngokulunga.
24
Kodwa ukuhlala enyameni kuyafuneka ngakumbi ngenxa yenu.
25
Kanjalo ndinokutemba oku nje, ndiyazi ukuba ndiya kuhlala ndilibale apa kunye nani nonke kube kukuhanjiswa kwenu nokuvuya elukolweni,
26
ukuze uqa̔yiselo lwenu lukolise ukwanda ku‐Yesu Kristu kum, ngako ukubako kwam kuni kanjako.
27
Kupela ke, ukuzipata kwenu makube kokufanele ivangeli ka‐Kristu; uknze nditi, nokuba ndiyeza ndinibone, nokuba ndihlala ndingeko, ndikuve okwenu, ukuba nimi emoyeni mnye, nizamela ukolo lwevangeli kwa kunye ngentliziyo nye,
28
ningenakwetuswa nganto ngabalane benu: okuti oko kubo kusisiboniso sentshabalalo, kodwa kuni kusesosindiswa, kunje nje kuvela kutixo:
29
ngokokuba kwapiwa nina ukuti ngenxa ka‐Kristu, kungabi kukuba nikolwe kuye kodwa, kukuba niti kanjako ngenxa yake nive intlungu:
30
ninako okona ukulwa nje enakubonayo okunjalo kum, nenivayo kaloku ukuba kukum.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4