bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Philippians 4
Philippians 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
1
Ngako oko, bazalwana bam abatandiweyo nabalangazelelweyo, luvuyo lwam nesitsaba sam! qinisani njalo ukuma enkosini, batandwa!
2
U‐Wodiya ndiyamyala, no‐Sintike ndiyamyala, ukuba babe nokuvumelana enkosini.
3
Ewe ndiyakutandaza nawe, sinxulumane senyaniso! ukuba ubancede aba bafazi, ekubeni bazamayo kunye nam evangelini, ndawonye naye no‐Kilemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.
4
Vuyani enkosini ngamaxesha onke: ndobuya nditi: Vuyani.
5
Ukululama kwenu makwazeke kubo bonke abantu. Inkosi ikufupi.
6
Ningabi nasitukutezi nganto; koko kuko konke ngokutandaza nangokukunga ndawonye nokubulela maziti ingcelo zenu zaziswe kutixo:
7
lwaye uxolo lukatixo, oludlulayo konke ukuqonda, luya kugcina intliziyo zenu nenkumbulo zenu ku‐Kristu Yesu.
8
Oko kuseleyo, bazalwana! izinto ezisukuba ziyinene, izinto ezisukuba zibekeka, izinto ezisukuba zifanelekile, izinto ezisukuba zicokisekile, izinto ezisukuba zitandeka, izinto ezisukuba zinokuduma okuhle; ukuba kuko into elungileyo, nokuba kuko into eyindumiso, zitelekeleleni ezizinto.
9
Ezonto kanjalo enizifundileyo nazamkela, nenizivileyo nazibona kum, zona ezi zenzeni: waye utixo woxolo eya kuba nani.
10
KEKALOKU ndavuya enkosini kakulu, ukuba kaloku nide nabuya nahluma ukundinonelela kwenu; enibe ninyamekela kwa kona, kodwa nibe ningenalo ituba.
11
Kungekukuba nditeta ngokwokuswela: ngokuba ndifundile mna ukuti, kulontlalo endikuyo, ndibe nokukolwa.
12
Ndiyakwazi ke ukuba sekutotyweni, ndiyakwazi kanjalo ukuba nobuninzi: kuko konke nasezintweni zonke ndikolisile ukufundiswa kwa nokuhluta nokulamba, kwa nokuba nobuninzi nokuba nokuswela.
13
Zonke izinto ndingazenza kulowo undomelezayo, ku‐Kristu.
14
Kodwa nalungisa noko, ukuba naninobudlelana nobunzima bam.
15
Kanjako niyazi nani, ma‐Filipi! ukuba ekuqalweni kwevangeli, okuya ndemkayo e‐Masedoniya, akwabako nanye iṙemente eyabelana nam ngendawo yokupa nokwamkela, kupela nina nedwa:
16
kuba nase‐Tesalonika, kwa kanye nakabini, natumela ukuswela kwam kum.
17
Kungekukuba ndifuna isipiwo, koko ndifuna isiqa̔mo esikwandela ukubalelwa kwenu.
18
Kodwa sendinazo into zonke, ndinobuninzi: ndizalisekile, ndizamkele nje ku‐Epafrodito izinto ezavela kuni, ivumba elimnandi, idini elikolekileyo, eliyolela utixo kakulu.
19
Kodwa utixo wam uya kuzalisa konke ukuswela kwenu ngokwobutyebi bake ebungcwaliseni ku‐Kristu Yesu.
20
Kekaloku kwa kuye utixo nobawo wetu makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
21
Bulisani bonke abangcwele ku‐Kristu Yesu. Abazalwana abanam bayanibulisa.
22
Bona abangcwele bonke bayanibulisa, kodwa abenje njalo kakulu bangabo basendlwini ka‐Kesare.
23
Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nani nonke. Amene.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
All chapters:
1
2
3
4