bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Philippians 3
Philippians 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
1
OKO kuseleyo, bazalwana bam! vuyani enkosini. Ukuziba̔la izinto ezikwa zizo kuni, okunene kum akuyindiniso, kodwa kuni kuyingciniso.
2
Lumkani abazinja, lumkani abasebenzi abakohlakeleyo, lumkani abalunqumlo.
3
Ngokuba tina singabalwaluko, esiti sikonze utixo ngomoya, sivuyelele ku‐Kristu Yesu, singatembeli enyameni;
4
nangona bendingaba nesitembelo kanti nasenyameni. Ukuba kuko omnye umntu oba unako ukutembela enyameni, ndigqitisile mna;
5
ndingowalukileyo ngomhla wesibozo, ndingowaseluhlangeni luka‐Sirayeli, ndingowesizwe sika‐Benjamine, um‐Hebere kuma‐Hebere; ngokwomteto ndingum‐Farisi;
6
ngokwozondelelo nditshutshisa iṙemente; ngokwobulungisa obusemtetweni ndihleli ndingenatyala.
7
Kuloko ezonto ezibe ziyinzuzo kum, zona ezi ndizibalile ngenxa ka‐Kristu ukuba zisisilahleko.
8
Hai gxebe okunene nditi kanjalo ndizibala zonke ukuba zisisilahleko ngenxa yendluliselo yokwaziwa kuka‐Kristu Yesu inkosi yam; endalahlekelwa zizinto zonke ngenxa yake, nendizibala ukuba ziyinkunkuma, ukuze ndizuze u‐Kristu,
9
ndifunyanwe kwa kuye, ndingenabo obam ubulungisa obuvela emtetweni, koko ndinabo bona obungalo ukolo luka‐Kristu, kwa ubulungisa obuvela kutixo ngokolo olo;
10
ukuze ndimazi yena, namandla ovuko lwake, nobudlelana bentlungu zake, ndifanekiselwa ekufeni kwake nje,
11
ukuba kungati ndingafikelela eluvukweni lwabafileyo.
12
Kungekukuba ndise ndifumene, umhlaumbi ndise ndifezekisiwe; kodwa ndisaputuma, ukuba ndingati kanjalo ndikubambe oko endandibanjelwa kona kanjalo ngu‐Kristu Yesu.
13
Bazalwana! andizibaleli mna ukuba sendibambile: lento kodwa ndiyayenza, izinto ezisemva ndizilibala nje, nezinto ezipambili ndisolulela kuzo,
14
ndiyaputuma ke ngakuwo umlinganiso ndiputum ela umvuzo wobizo lwapezulu lukatixo ku‐Kristu Yesu.
15
Masiti ngoko sonke tina esingabafezekileyo sibe nokukumbula okunjalo: nokuba niyakumbula ngento ngokukumbi, kwa yona le utixo woyityila kuni.
16
Kodwa noko, apo sifikele kona, masihambe ngommiso okwa nguwo, masikumbule into ekwa yiyo.
17
Yibani ngabalandeli bam kwa kunye, bazalwana! nigqale abo abenje njalo ukuhamba njengokuba ninati singumzekelo. (
18
Ngokuba abaninzi behamba, endibe ndisitsho futi kuni ngabo, nenditshoyo kaloku ndilila nje, ukuti bazintshaba zekuruse ka‐Kristu:
19
abakupela kuyintshabalalo, aba tixo usisisu sabo, n aba bungcwalisa busehlazweni labo, abanyamekela izinto zasemhlabeni.)
20
Ngokuba obetu ubuzwe busezulwini; apo kanjalo silinda ukuvela kwomsindisi kona, inkosi u‐Yesu Kristu:
21
oya kwenza ngakumbi isimilo somzimba wobupantsi betu, ukuba wenziwe wona ufane nomzimba wobungcwalisa bake, ngokwokusebenza anamandla ngako nokuzibeka pantsi kwake zonke izinto.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4