bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Philippians 2
Philippians 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
1
UKUBA ngoko kuko ulwonwabiso ku‐Kristu, ukuba kuko intutuzelo yotando, ukuba kuko ubudlelana bomoya, ukuba kuko inceba nezibele,
2
zalisani uvuyo lwam, ukuba nibe nokuvumelana, ninotando olukwa lulo, ninompefumlo mnye, ninyamekela into ekwa nye;
3
ning enzi luto ngokwenkani umhlaumbi ngokwokuzidla, koko ngokutobeka kwentliziyo abanye bebalela abanye ukuba bayabagqitisela.
4
Maniti nonke ngabanye ningagqali ezenu izinto, koko nonke ngabanye nigqale nezabanye.
5
Lenyamekelo okunene maibeko kuni, ebiko nakuye u‐Kristu Yesu:
6
obete, esebumeni bukatixo nje, akaba kuyinto yokubanjwa ukulingana kwake notixo,
7
koko wazincipekisa, watabata ubume besicaka, wenziwa ekufaneni kwabantu;
8
waza efunyenwe enesimilo njengomntu, wazitobisa, waba elulamile kwada kwasekufeni, ewe ekufeni kwekuruse.
9
Ngako oko kanjalo utixo wampakamisa kakulu, wampa igama elipezulu kuwo onke amagama;
10
ukuze egameni lika‐Yesu kutobe onke amadolo, awe zinto zasezulwini, nawezasemhlabeni, nawezapantsi kwomhlaba;
11
nokuba zonke ilwimi zivume ukuba u‐Yesu Kristu u yinkosi, kube kukudunyiswa kukatixo uyise.
12
Kwa njalo ke, bazalwana bam! njengokuba nibe nilulamile ngamaxesha onke, kungabi njengokuya ndikoyo kodwa, kube kaloku kakulu ngakumbi okuya ndingekoyo, fezani olwenu usindiswa ninokwoyika nokututumela:
13
ngokuba utixo enguye osebenzayo kuni, kwa nokutanda nokwenza, ngenxa yenkoliso yake.
14
Zonke izinto zenzeni ningenakuṙoṙa nokupikisana;
15
ukuze nibe ningenatyala, ningenamaqokolo, nilusapo lukatixo olungohlwayekiyo, pakati kwaso isizukulwana esigoso nesigwenxa, eniti pakati kwabo nibonakale njengezikanyiso elizweni,
16
nisolulisa ilizwi lobomi; ndize ndibe nento yokuqa̔yisela emhleni ka‐Kristu, ukuba andifumane ndabaleka, andifumane ndasebenza kanjako.
17
Koko ukuba ndika nditululwe pezu kwedini nesikonzo senkolo yenu, ndivuya, ndivuyelane nani nonke.
18
Nangenxa yelituba vuyani nani, nivuyelane nam.
19
Kodwa ndiyatemba enkosini u‐Yesu ukutuma kuni u‐Timote kamsinya, ukuze nditi nam ndinyamnyeke, ndakukwazi okwenu.
20
Ngokuba ndingenamnye ontliziyo ifana neyam, oya kuti ngobunyaniso akatalele okwenu.
21
Ngokuba bonke abanye befuna ezabo izinto, benga funi izinto zika‐Kristu Yesu.
22
Kodwa ukulingwa kwake niyakwazi, okokuba wati, njengokuba umntwana ekonza kuyise, wakonzela ivangeli kunye nam.
23
Yena lo ngoko ndiyatemba ukumtuma kwa oko, nxa sukuba sendibona izinto eziya kundihla.
24
Kodwa ndiyatembela enkosini, ukuba ndoti kwa mna ngokwam ndize kamsinya.
25
Noko ndaba kufanelekile ukutuma u‐Epafrodito umzalwana wam, ongumsebenzi nesodati kunye nam, kodwa umtunywa wenu, nomkonzi kwintswelo yam, ukuza kuni:
26
ekubeni ebelangazelela nina nonke, wadandateka kakulu, ngenxa yokuba benivile ukuba ebesifa.
27
Ngokuba okunene ebesifa epants ukufa: koko utixo ebenobubele ngakuye; bekungengakuye yedwa, bekungakum kanjalo, ukuze ndingabi nosizi pezu kwosizi.
28
Ndinxamele ngakumbi ngoko ukumtuma, ukuze niti nakumbona nibuye nivuye, nditi nam ndibe lusizi ngento encinane ngakumbi.
29
Mamkeleni ngoko enkosini ngovuyo lwonke, nize abanjalo nibabeke:
30
ngokuba ngenxa yomsebenzi ka‐Kristu wasondela kwada kwasekufeni, enganonelelanga ubomi bake, ukuze akwenzelele ukusweleka kwenkonzo yenu ngakum.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4