bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ruth 1
Ruth 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
1
KWAYE kute emihleni bagwebayo abagwebi, kwabekuko indlala elizweni. Yaza yahamba indoda yase‐Beteleheme‐juda ukuya kupambukela ezweni le‐Mowabi, yona, nomfazi wayo, nonyana bayo bobabini.
2
Igama lalondoda belingu‐Elimeleki, negama lomfazi wayo ngu‐Nahomi, namagama onyana bayo bobabini ngu‐Mahalone no‐Kiliyone, ama‐Eferata ase‐Beteleheme‐juda. Bada bafika ezweni le‐Mowabi, bahlala kona.
3
Kekaloku wafa u‐Elimeleki indoda ka‐Nahomi; washiywa ke nonyana bake bobabini.
4
Baza bazeka abafazi abangama‐Mowabikazi; igama lomnye ngu‐Oripa, negama lomnye ngu‐Rute: bahlala kona langa lalishumi leminyaka.
5
Bada bafa u‐Mahalone no‐Kiliyone nabo bobabini; waza umfazi lowo washiywa ngonyana bake bobabini nayindoda yake.
6
Wandula wesuka nomolokazana bake, ukuba abuye ezweni le‐Mowabi: ngokuba ebevile ezweni le‐Mowabi okokuba utixo ukumbule abantu bake ngokubanika ukutya.
7
Ngako wapuma endaweni apo abehleli kona, nomolokazana bake bobabini kunye naye. Baza bahamba endleleni ukuya kubuyela ezweni lakwa‐Juda.
8
Wandula wati u‐Nahomi kubo omolokazana bake bobabini: Hambani, nibuye niye omnye ngomnye endlwini kanyoko: wanga uyehova anganenzela ububele, njengokuba nenzele abafileyo nam:
9
wanga uyehova anganipa okokuba nifumane ukupumla, omnye ngomnye endlwini yendoda yake! Waza wabanga; koko bapakamisa ilizwi labo, balila,
10
bati kuye: Ngenyaniso siya kubuya nawe ukuya ebantwini bako.
11
Waza wati u‐Nahomi: Buyani, zintombi zam! kunganina ukuba niya kuhamba nam? baseko na onyana esizalweni sam, ukuba babe ngamadoda enu?
12
Buyani, zintombi zam! nihambe; ngokuba ndimdala kukuba ndibe nendoda. Nakuba bendiya kuti: Ndinetemba; nakuba bendinendoda obubusuku, ndazala onyana kanjako,
13
ngenibalinda na bade bakule? ngenitintelwa ngabo na ukuze ningabi namadoda? hai, zintombi zam! ngokuba kubuṙaṙa kum kakulu ngenxa yenu, ukuba isandla sikayehova sipumele ngakum.
14
Baza bapakamisa ilizwi labo balila kanjako: wati u‐Oripa wamanga unondoda wake; kodwa u‐Rute wati nama kuye.
15
Wandula wati: Bona ke, umkuluwekazi wako ubuyele ebantwini bake, nakotixo bake; buya wena uye emva kwomkuluwekazi wako.
16
Waza wati u‐Rute: Ungandikungi ukuba ndikushiye, ukuba ndibuye ekukulandeleni; ngokuba apo uya kona, ndiya kuya mna; nalapo ulalisa kona, ndiya kulalisa mna; abantu bako boba ngabantu bam, notixo wako woba ngutixo wam;
17
apo uya kufa kona, kwa lapo ndiya kufa mna, nalapo ndiya kuncw̔atywa: uyehova makenje njalo kum, alekele ukwenje njalo, ukuba akukukufa okuya kundahlukanisa nawe kupela!
18
Wati akubona ukuba uzomelezele ukuhamba naye, wayeka ukuteta kuye.
19
Baza bahamba bobabini, bada bafika e‐Beteleheme. Kwaye kute, xeshekweni sebefikile e‐Beteleheme, sazanyazanyiswa isixeko sonke pezu kwabo, bati abantu: Nguye na u‐Nahomi lo?
20
Wayesiti kubo: Ningandibizi ngo‐Nahomi, ndibizeni ngo‐Mara: ngokuba usomandla enzile ngobuṙaṙa kum kakulu:
21
ndemka ndizele, kodwa uyehova undibuyisile ndizé: kunganina ukuba nindibiza ngo‐Nahomi, uyehova enqi̔nele ngakum nje, usomandla endenzele nje ububi?
22
Kwa njalo wabuya u‐Nahomi, no‐Rute um‐Mowabikazi, umolokazana wake, kunye naye, owabuya ezweni le‐Mowabi: baza bafika e‐Beteleheme ekuqalekeni kwokuvunwa kweṙalasi.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4