bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ruth 2
Ruth 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
1
KEKALOKU u‐Nahomi ebenomlamane wendoda yake, umntu omkulu ngobutyebi, owesizalwane sika‐Elimeleki; negama lake ngu‐Bohazi.
2
Waza u‐Rute um‐Mowabikazi wati ku‐Nahomi: Makendiye entsimini, ndibikice pakati kwezikwebu emva kwalowo endiya kufumana ufefe emehlweni ake. Wayesiti kuye: Yiya, ntombi yam!
3
Waya ke, weza, wabikica entsimini emva kwabavuni: wati ukuhla kwake wahla wafika esahlulweni sentsimi esise sika‐Bohazi, obengowesizalwane sika‐Elimeleki.
4
Kekaloku bona ke, u‐Bohazi wavela e‐Beteleheme, wati kubo abavuni: Uyehova makabe nani! Bati nakuye: Uyehova makatamsanqele wena!
5
Waza wati u‐Bohazi kwisicaka sake esasimisiwe pezu kwabavuni: Yekabanina inkazana le?
6
Sapendula isicaka esasimisiwe pezu kwabavuni, sati: Yinkazana engum‐Mowabikazi, eyabuyayo no‐Nahomi ezweni le‐Mowabi;
7
yaka yati: Makendibikice ndibute pakati kwezitungu emva kwabavuni; yaselisiza ke, yamana ukubako kuseloko kwasayo kwada kwakaloku nje, wahlala endlwini umzuzwana kwapela.
8
Wandula wati u‐Bohazi kuye u‐Rute: Akuvanga na, ntombi yam? Ungayi ukubikica kwenye intsimi, kanjako ungesuki ku lendawo, uti unamatele apa ndawonye nezicakazana zam:
9
amehlo ako makabe sentsimini evunwa zizo, uzilandele: andibayalelanga abafana na ukuba mabangakucukumisi? nxa unxaniweyo, yiya emipandeni, usele koko bakele kona abafana.
10
Waza wawa ngobuso, waziqubuda ngasemhlabeni, wati kuye: Kunganina ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, ukuze ube nokundazi, ndingowasemzini nje?
11
Wapendula u‐Bohazi wati kuye: Kukolisile ukushunyayelwa kum konke ukwenzileyo kunondoda wako emveni kwokufa kwendoda yako; nokokuba wabushiya uyihlo nonyoko, nelizwe lokuzalwa kwako, waya ebantwini wafudula ungabazanga:
12
wanga uyehova angakuvuza ukwenza kwako! maunikwe umvuzo ozalisekileyo nguyehova, utixo wo‐Sirayeli, lowo uze kutemba ngapantsi kwamapiko ake.
13
Waza wati: Mandifumane ufefe emehlweni ako, nkosi yam! ngenxa yokuba unditutuzele, nangenxa yokuba utetile kwintliziyo yesicakakazi sako, nangona ndingenjengaso esinye sezicakakazi zako.
14
Wati kanjalo u‐Bohazi kuye: Ngexesha lokudla, sondela apa, udle kwisonka, uncinde umtanyana wako kuyo iyasine. Waza wahlala pantsi ngasecaleni labavuni; wamnikela amaqashu; wadla, wahluta, wasalisa nokusalisa.
15
Wati akusuka ukuya kubikica, wandula u‐Bohazi wabayalela abafana bake, esiti: Makabikice kwa pakati kwezitungu, ningamdanisi:
16
nakanjako nike nimwisele intwana yokubanjwayo zizandla, niyishiye, ayicole ke, nize ningamkalimeli.
17
Kwa njalo wabikica entsimini kwada kwahlwa, wayibula into abeyicolile, yanga yayiyefa yeṙalasi.
18
Wandula wayitabata, wangena esixekweni; waye unondoda wake wayibona into ebicoliwe nguye: waza wakupa, wanika kuye oko abekusalisile emva kwokuhluta kwake.
19
Wayesiti unondoda wake kuye: Wabikica pina namhla? ubusebenza pina? makatanyusanqelwe lowo obenokukwazi! Waza wamshumayeza unondoda wake lowo ubesebenza naye, wati: Igama lendoda bendisebenza nayo namhla ngu‐Bohazi.
20
Wandula u‐Nahomi wati kumolokazana wake: Makatanyusanqelwe yena nguyehova, ongayekanga ububele bake kubo abapilileyo nakubo abafileyo! Walekela u‐Nahomi wati kuye: Lendoda iyalamana nati, ingowabakululi betu.
21
Waza wati u‐Rute um‐Mowabikazi: Kanjako, wati kum: Uya kuti nama kwizicaka zam, zide zigqibe sonke isivuno sam.
22
Waza wati u‐Nahomi kuye u‐Rute umolokazana wake: Kulungile, ntombi yam! ukuba upume nezicakazana zake, baze bangahlangani nawe kwenye intsimi.
23
Kwa njalo wanamatela kuzo izicakazana zika‐Bohazi, ukuba abikice, kwada kwagqitywa ukuvunwa kweṙalasi nokuvunwa kwenqolowa; wahlala ke nonondoda wake.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4