bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ruth 3
Ruth 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
1
WANDULA u‐Nahomi unondoda wake wati kuye: Ntombi yam! andiyi kufunela wena ukupumla na, ukuba kulunge kuwe?
2
Kekaloku u‐Bohazi, ozicakazana zake ubunazo, akanguye umlamane wetu na? Bona ke, uya kwela iṙalasi esibayeni sokubula obubusuku.
3
Uti ngoko uzihlambe, uzitambise, ufake izivato zako kuwe, uhlele esibayeni eso; kodwa ungazazisi kuyo indoda leyo, ingekagqibanga ukutya nokusela.
4
Kwakuya kuti, nxa ilala pantsi, uze ugqale indawo apo iya kulala kona; uze ungene, uzihlube inyawo zayo, ulale pantsi; yaiya kukutyela into uya kuyenza.
5
Wayesiti kuye: Konke okutetileyo ndiya kukwenza.
6
Wasuka wehla waya esibayeni sokubula, wenza ngako konke abeyalelwe ngunondoda wake.
7
Kekaloku u‐Bohazi watya wasela nokusela, wati yakucwayita intliziyo yake, waya kulala pantsi esipelweni somlu: waza wangena kakuhle, wazihluba inyawo zake, walala pantsi.
8
Kwaye kute ebusuku obukulu, yetuka indoda leyo, yazijikisa: kekaloku nanku umfazi elele pantsi ezinyaweni zayo.
9
Yasuka yati: Ungubanina wena? Wayesiti: Ndingu‐Rute isicakakazi sako; uze wandlale isondo lengubo yako pezu kwesicakakazi sako, ngokuba wena unguye umkululi.
10
Yaza yati kuye: Mautanyusanqelwe nguyehova, ntombi yam! ububele bako bokupela ubulungisile pezu kwobokuqala, ekubeni ungawalandelanga amadodana, nokuba angamahlwempu nokuba azityebi.
11
Ngako kaloku, ntombi yam! ungoyiki; konke okutshoyo ndiya kukwenzela kona: ngokuba sonke isixeko sabantu bam sisazi ukuba ungumfazi otembekileyo wena.
12
Nakaloku, kuyinyaniso ukuba ndingumkululi: kodwa noko kuko umkululi okufupi pezu kwam.
13
Lalisa apa obubusuku, kwakuya kuti kusasa, ukuba yena wokwenzela ngesiko lomkululi, kulungile; makenze ngesiko lomkululi: kodwa ukuba akatandi ukukwenzela ngesiko lomkululi, sendiya kukwenzela ngesiko lomkululi mna, njengokuba ehleli uyehova: lala pantsi kude kuse.
14
Waza walala pantsi ezinyaweni zayo kwada kwasa; wabuya wesuka, omnye engekabi nakumazi omnye. Yaza yati: Makungaziwa ukuba kuke kweza umfazi esibayeni sokubula.
15
Yati kanjalo: Ete ingubo yapezulu epezu kwako, uyibambe. Wayibamba ke: yaza yazilinganisa izilinganiso ezitandatu zeṙalasi, yazibeka pezu kwake; yasuka yaya esixekweni.
16
Kekaloku akufika kunondoda wake, wati yena: Ungubanina, ntombi yam? Waza wamxelela konke ibimenzele kona londoda.
17
Wati kanjalo: Ezi izilinganiso zitandatu zeṙalasi yazinika kum; ngokuba ibisiti kum: Ungayi ungenanto kunondoda wako.
18
Waza wati: Hlala, ntombi yam! ude wazi ukuba yoti nina ukupela lendawo: ngokuba ingasayi kupumla indoda leyo, ingekagqibanga lendawo namhla.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4