bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ruth 4
Ruth 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
1
WAZA u‐Bohazi wenyuka waya esangweni, wahlala pantsi apo: kekaloku bona ke, wadlula umkululi lowo u‐Bohazi ubetetile ngaye; waza wati kuye: Wa Nantsi! pambuka, uhlale pantsi apa. Wapambuka, wahlala pantsi ke.
2
Wandula watabata amadoda alishumi kwabadala besixeko, wati: Hlalani pantsi apa. Ahlala pantsi ke.
3
Waza wati kumkululi lowo: Isahlulo somhlaba esibe sesika‐Elimeleki umzalwana wetu, utengisile ngaso u‐Nahomi, owabuyayo ezweni le‐Mowabi:
4
ndandisiti mna: Ndiya kutyila ezindlebeni zako, ukuti: Sitenge pambi kwabemi besixeko, napambi kwabadala babantu bam: ukuba uya kusikulula, sikulule; kodwa ukuba akuyi kusikulula, ndixelele ke, ukuba ndikwazi: ngokuba kungeko mntu oya kusikulula ngapandle kwako; nam ndisemva kwako. Wayesiti: Ndiya kusikulula.
5
Waza wati u‐Bohazi: Ngomhla wokutenga kwako umhlaba lowo esandleni sika‐Nahomi, wowutenga nakuye u‐Rute um‐Mowabikazi, umfazi wofileyo, ukuvusa igama lofileyo pezu kwelifa lake.
6
Wandula wati umkululi lowo: Andingezikululele mna, hleze ndilonakalise ilifa lam: zikululele wena inkululo yam; ngokuba ndikohlwa ukukulula mna.
7
Kekaloku eli libe li lisiko kudala, kwa‐Sirayeli, ngako ukukulula nokwanana, kuze kuqiniswe zonke izinto, lokuba war̔ola umntu isihlangu sake, wasinika kummelwane wake: bekusisinqi̔nelo kwa‐Sirayeli oku.
8
Wati ngoko lomkululi ku‐Bohazi: Zuzitengele; wandula wasirola isihlangu sake.
9
Waza u‐Bohazi wati kubo abadala nabo bonke abantu: Ningamanqi̔na nina namhla, okuba nditengile konke okube kukokuka‐Elimeleki, nako konke okube kukokuka‐Kiliyone nokuka‐Mahalone, esandleni sika‐Nahomi.
10
Nakanjako u‐Rute um‐Mowabikazi, umfazi ka‐Mahalone, ndimtengile abe ngumfazi wam, ukuvusa igama lofileyo pezu kwelifa lake, ukuze igama lofileyo linganqanyulwa kubo abazalwana bake, nasesangweni lomzi wake: ningamanqi̔na nina namhla.
11
Baza bati bonke abantu abebesesangweni, nabadala: Singamanqi̔na. Uyehova makenze lomfazi, ongenileyo endlwini yako, njengo‐Rakele nanjengo‐Leya, abati bobabini bayaka indlu ka‐Sirayeli: mauti wena wenze ubutyebi e‐Eferata, uzuze igama e‐Beteleheme:
12
nendlu yako maibe njengendlu ka‐Faretse, owazalelwa u‐Juda ngu‐Tamare, ngenzalo uyehova aya kuyinika kuwe ngomtshakazi lowo.
13
Kwa njalo u‐Bohazi wamzeka u‐Rute, owaba ngumfazi wake: wati akungena kuye, uyehova wamnika ukukaula, wada wazala unyana.
14
Baza abafazi bati ku‐Nahomi: Makabongwe uyehova, ongakuyekanga ungabi namkululi namhla, ukuba igama lake lidunyiswe kwa‐Sirayeli:
15
waeya kuba ngumbuyisi wobomi kuwe, nomfunzeli wobudala bako: ngokuba umolokazana wako, okutandayo, emzele, lowo olungile kuwe ngapezu kwonyana abasixe̔nxe.
16
Waza u‐Nahomi watabata umntwana lowo, wambeka esifubeni sake, waba ngumondlikazi wake.
17
Bati abamelwanekazi bake bamtiya igama, besiti: Kuzelwe unyana ku‐Nahomi; baye bembiza ngegama elingu‐Obedi: yena nguyise ka‐Jese, uyise ka‐Davide.
18
Kekaloku ezi zizizizukulwana zika‐Faretse: u‐Faretse wazala u‐Hetserone,
19
no‐Hetserone wazala u‐Rame, no‐Rame wazala u‐Haminadabi,
20
no‐Haminadabi wazala u‐Nahashone, no‐Nahashone wazala u‐Salimone,
21
no‐Salimone wazala u‐Bohazi, no‐Bohazi wazala u‐Obedi,
22
no‐Obedi wazala u‐Jese, no‐Jese wazala u‐Davide.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
All chapters:
1
2
3
4