bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Acts 14
Acts 14
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 15 →
1
NaseIkoniyo yaba sesezolo: uPawulos noBharnabha baya *endlwini yesikhungo baza bathetha kangangokuba iqela elikhulu lamaJuda neentlanga lazinikela.
2
Kodwa amaJuda angakholwayo azixhokonxa iintlanga, azifaka umoya ombi ngakumakholwa.
3
*Abathunywa bahlala apho ixesha elide. Bathetha ngesibindi ngeNkosi, iNkosi ibanika amandla okwenza imiqondiso nemimangaliso, ingqina inyaniso yodaba lwabo ngesisa sayo.
4
Inkoliso yabantu edolophini apho yathi qheke kubini: abanye baba ngakumaJuda, abanye baba ngakubathunywa.
5
Zaza iintlanga namaJuda ndawonye neenkokheli zazimisela ukubaphatha kakubi abathunywa, zibaxulube ngamatye.
6
Bathe bakuyiqonda le nto abathunywa, basaba baya eLikawoni, kwiidolophu zaseListra naseDerbhe nemimandla ejikelezileyo.
7
Baza bazishumayela khona iindaba ezimnandi.
8
Apho eListra kwakukho indoda eyazalwa isisiqhwala, ingazange yaba nako ukuhamba.
9
Yawaphulaphula ngomdla amazwi kaPawulos. UPawulos wayithi ntshoo ngamehlo, waqonda ukuba inokholo olungayiphilisayo,
10
wadanduluka wathi: “Suk' ume ngeenyawo.” Indoda leyo yatsiba yema, yahamba-hamba.
11
Zithe izihlwele zakuyibona le nto yenziwe nguPawulos, zakhwaza ngesiLikawoni zisithi: “Oothixo beze kuthi befana nabantu!”
12
UBharnabha bamthiya bathi *nguZeyus, uPawulos bathi *nguHermes ngenxa yokuba yena wayesisithethi.
13
Ke kaloku kwakukho indlu yokunqulela uZeyus ngaphandle nje kwedolophu. Waza umbingeleli kaZeyus weza neenkunzi zeenkomo neentyatyambo esangweni ledolophu. Yena nesihlwele eso babefuna ukwenzela *abathunywa idini.
14
Bathe abathunywa ooBharnabha noPawulos bakuyiva le nto iqhubekayo, bazikrazula iimpahla zabo, babaleka baya kuso isihlwele, bekhwaza besithi:
15
“Madoda, yintoni le niyenzayo? Nathi singabantu; sifana nani! Size apha ukuze sivakalise iindaba ezimnandi, ukuze niguquke nijike kwezi zinto ziphuthileyo, nize kuThixo, owenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nezinto ezilapho kuzo.
16
Mandulo uThixo wabayeka abantu, benza ukuthanda kwabo;
17
kodwa wasoloko ezibonakalisa ubukho bakhe ngezinto ezintle azenzayo. Usipha imvula nezilimo ngamaxesha afanelekileyo; usipha nokudla, iintliziyo zethu azizalise ngovuyo.”
18
Naxa sebethethe kangako abathunywa, phantse bangabi nako ukusijika isihlwele ekubeni sibenzele idini.
19
Kwafika iqela lamaJuda evela eAntiyokwe yasePisidi naseIkoniyo. Ekubeni ezifake umoya ombi izihlwele, ukuba zithathe icala lawo, bamxuluba ngamatye uPawulos, bamrhuqela ngaphandle kwedolophu, beba ufile.
20
Kodwa akungqongwa ngamakholwa, wavuka, wabuyela kwasedolophini. Ngengomso wemka kunye noBharnabha, baya eDerbhe.
21
UPawulos noBharnabha bazishumayela iindaba ezimnandi naseDerbhe, bafumana inkitha eyaba ngabalandeli bakaYesu. Baza ke babuyela eListra, baya eIkoniyo ukusuka apho, baya naseAntiyokwe yasePisidi.
22
Bawomeleza amakholwa, bewakhuthaza ukuba ahlale ehleli elukholweni enyanisekile, besithi ukufundisa: “Simelwe kukuthwala ubunzima thina singene phantsi kolawulo lukaThixo.”
23
Kwibandla ngalinye batyumba abadala, babanikela ngemithandazo nangozilo-kutya eNkosini ababethembele kuyo.
24
Emveni kokutyhutyha ummandla wasePisidi, bafika ePamfili.
25
Bashumayela udaba ePerga, baza badlulela eAtaliya.
26
Basuka apho ngesikhephe babuyela eAntiyokwe yaseSiriya, apho babenikelwe elugcinweni naselubabalweni lukaThixo ukuya kwenza kwabo lo msebenzi bawufezileyo ngoku.
27
Bakufika eAntiyokwe, balihlanganisela ndawonye ibandla, babalisa ngezinto uThixo awazenza ngabo, bexela nokuba nabaziintlanga uThixo ubavulele indlela yokukholwa.
28
Bahlala ke apho kunye namakholwa ithuba elide.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28