bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Acts 2
Acts 2
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 3 →
1
Ekufikeni komhla *wePentekoste babehlangene ndawonye bonke.
2
Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso.
3
Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo.
4
Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.
5
EJerusalem apho kwakukho amaJuda, abantu ababenenzondelelo ngezinto zikaThixo, bevela kuzo zonke izizwe zehlabathi.
6
Bakukuva oko kwakusenzeka, kwahlanganisana indimbane yabantu, bonke bemangalisiwe kukuva abalandeli bakaYesu bethetha iilwimi zabo.
7
Bethe khumnqa, bathi: “Okunene aba bantu ngamaGalili bonke!
8
Ke, kutheni le nto sonke ngabanye sibeva bethetha nathi ngolwimi lweenkobe?
9
Thina singamaParti, namaMedi, namaElam, nabaseMesopotami, nabakwaJuda, nabaseKapadoki; singabasePonto naseAsiya,
10
eFrigi nasePamfili, naseJiputa nabemimandla yaseLibhiya engaseKirene, nabahambi abavela eRoma.
11
SingamaJuda nabangeni buJudeni, amaKrete nama-Arabhu. Siyabeva beyithetha ngeelwimi zethu imisebenzi yamandla kaThixo.”
12
Bethe nqa ke bexakiwe, babuzana bathi: “Awu! Ngaba ithetha ntoni le nto?”
13
Abanye baphoxisa ngabo, bathi: “À, suka! Banxilile!”
14
Waphakama uPetros, wabhekisa ebantwini, ethetha egameni labafundi abalishumi elinambini, wathi: “Mawethu, maJuda, nani nonke bemi baseJerusalem, phulaphulani nibeke iindlebe, nantsi indawo emaniyiqonde:
15
La madoda akanxilanga njengoko niba kunjalo nina, kuba kusekusasa ngentlazane,
16
koko le nto yenzekayo yileya yaxelwa *ngumshumayeli uJoweli esithi:
17
“ ‘Yiyo le into endiya kuyenza ngemihla yokugqibela;’ utsho uThixo: ‘Ndiya kugalela uMoya wam kulo lonke uluntu, oonyana neentombi zenu zishumayele, abafana babone imibono, amaxhego aphuphe amaphupha.
18
Ewe, nezicaka nezicakazana zam ndiya kuzigalela ngoMoya wam ngaloo mihla, zize zishumayele.
19
Ndiya kwenza imiqondiso esibhakabhakeni phezulu, nezimanga emhlabeni phantsi. Kuya kubakho igazi nomlilo nentshinyela yomsi.
20
Ilanga liya kujika libe bubumnyama, inyanga ibe bomvu njengegazi, phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu udumileyo weNkosi.
21
Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.’
22
“MaSirayeli, phulaphulani la mazwi: UYesu waseNazarete yindoda eyâlathwa nguThixo, yaza yabonakaliswa ngemisebenzi yamandla nemimangaliso nangemiqondiso awayenzayo uThixo ngayo. Nani ngokwenu niyayazi loo nto, kuba yenzeka phakathi kwenu apha.
23
Lo Yesu ke, wanikelwa kuni ngokuthanda nangokwazi kukaThixo, nambulala ngokumnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni ngabantu abangawukhathalelanga umthetho wethu.
24
UThixo ke yena wamvusa, wamkhulula kwiintlungu zokufa, kuba ukufa kwakungenawo amandla okumbophelela.
25
Kaloku uDavide uthi ngaye: “ ‘Ndasoloko ndiyibona iNkosi iphambi kwam ngamaxesha onke. Yintonga yam yasekhosi iNkosi, ngoko andiyi kuchukunyiswa nto.
26
Kungoko yagcobayo intliziyo yam, ndathetha ndinemivuyo. Ngaphezu koko ndiya kuhlala ndinethemba lokuba andiyi kufa,
27
kuba akuyi kuwuyeka kwelabafileyo umphefumlo wam, ungayi kusiyeka sibole isicaka sakho esikholekileyo.
28
Undazisile iindlela zobomi; ndaye ndiya kuzala luvuyo ngenxa yobukho bakho.’
29
“Mawethu, mandithethe ngokucacileyo kuni ngokhokho wethu uDavide. Yena wafa, waza wangcwatywa; yaye nengcwaba lakhe lilapha unanamhlanje.
30
Njengokuba *wayengumshumayeli, wayesazi isithembiso sokuba uThixo wafunga ukuba omnye kubazukulwana bakhe uya kuba ngukumkani njengaye.
31
Walubona ke kwangaphambili uvuko lukaKrestu, wathetha ngalo, exela ukuba akayi kuyekwa kwelabafileyo, futhi engayi kubola.
32
UThixo ke wamvusa ekufeni lo Yesu; saye ke thina sonke singamangqina aloo nto.
33
Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.
34
Kaloku uDavide akanyukelanga ezulwini yena ngokwakhe, koko uthi: “ ‘INkosi yathi eNkosini yam: Hlala ngakum kweli wonga
35
lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’
36
“Ngenxa yoko qinisekani, mzi kaSirayeli, ukuba lo Yesu enambethelela emnqamlezweni, uThixo ummisele wayiNkosi *ekwanguKrestu.”
37
Yabahlabanisela kakhulu intetho kaPetros abantu, bakuba beyivile; baza bathi kuPetros *nabathunywa ababenaye: “Kufuneka senze ntoni, mawethu?”
38
Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.
39
Kuba isithembiso esenziwa nguThixo senzelwa nina nabantwana benu, kwanâbo bakude, bebonke abo iNkosi uThixo wethu ibabizayo.”
40
Wathetha wophela ke uPetros ebaluleka esithi: “Zahlukaniseni naba bantu bakhohlakeleyo, khon' ukuze ningehlelwa sisohlwayo sabo.”
41
Abantu abaninzi balwamkela olu daba, baza babhaptizwa. Baba ngamawaka amathathu abantu abongezelelwayo enanini labo.
42
Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.
43
Imiqondiso nemimangaliso emininzi awayenza *ngabathunywa uThixo yatsho yabakhohla abantu.
44
Bonke abakholwayo bahlala bebambene, bedlelana ngezinto abanazo omnye nomnye.
45
Babethengisa ngempahla yabo, babelane ngemali leyo ngokweentswelo zomntu ngamnye.
46
Imihla ngemihla babehlangana rhoqo *endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana,
47
bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28