bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Acts 6
Acts 6
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 7 →
1
Kwathi kwakubon' ukuba liyanda inani labalandeli bakaYesu, kwavela ukungevisisani phakathi kwamaJuda athetha isiGrike kwanamaJuda athetha olweenkobe. AmaJuda athetha isiGrike akhalazela ukuba abahlolokazi bawo àbamkeliswa kakuhle kwimali yenkxaso yemihla ngemihla.
2
*Abathunywa abalishumi elinambini balihlanganisa ibandla lilonke, bathi kulo: “Asinto intle kuthi ukuba sikuyekelele ukushumayela ilizwi likaThixo ngenxa yokuzixakekisa ngomsebenzi wokwabela abasweleyo.
3
Ngoko ke, mawethu, khethani amadoda abe sixhenxe phakathi kwenu, awaziwa ngokuzaliswa nguMoya oyiNgcwele nangobulumko; thina ke siwamisele kulo msebenzi.
4
Ngalinye ke, thina siya kuzinikela ngokupheleleyo kumsebenzi wokushumayela nasemithandazweni.”
5
Isiphakamiso sabathunywa samkeleka kubo bonke; baza ke banyula aba: uStefano, indoda ezele lukholo nanguMoya oyiNgcwele, noFilipu, noProkuro, noNikano, noTimon, noParmena, kwakunye noNikolawo waseAntiyokwe owayengumngeni-buJudeni.
6
Aba ke banikelwa kubathunywa, baza bona babamisela ngokubathandazela nokubabeka izandla.
7
Laya lisanda ke ilizwi likaThixo, laza ke nenani labalandeli bakaYesu lakhula kakhulu eJerusalem, kwabakho neqela lababingeleli elazinikelayo eNkosini.
8
UStefano, indoda eyayisikelelwe nguThixo, izele ngamandla, wênza imiqondiso nemimangaliso phakathi kwabantu.
9
Aza amadoda athile amchasa. Wona ayedla ngokuhlangana *endlwini yesikhungo ekuthiwa yeyamakhoboka akhululekileyo. AyengamaJuda avela eKirene naseAlesandriya. Wona namaJuda aseKiliki nawaseAsiya axambulisana noStefano.
10
Kodwa uMoya wamnika ubulumko uStefano, ngokokude bangabi nako ukuphikisana naye.
11
Baza ke bafunza amadoda athile, khon' ukuze athi: “Thina simve ethetha kakubi ngoMosis nangoThixo.”
12
Ngale ndlela bamenza wavukelwa ngabantu, nangabadala, nangabachazi-mthetho. Bamqubula uStefano, bamthatha bamsa entlanganisweni *yeBhunga.
13
Bezisa namanye amadoda athetha ubuxoki ngaye, athi: “Le ndoda isoloko ithetha ngokuchaseneyo *nendlu kaThixo *nangomthetho kaMosis.
14
Kuba samva esithi lo Yesu waseNazarete uya kuyitshabalalisa indlu kaThixo, awatshintshe namasiko esawafumana kuMosis.”
15
Bonke abo babehleli entlanganisweni bamthi ntsho ngamehlo uStefano, baza babubona ubuso bakhe bunjengobesithunywa sezulu.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28