bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Acts 18
Acts 18
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 19 →
1
Emva koko uPawulos wemka eAtene, wabheka eKorinte.
2
Apho wadibana nomJuda ogama linguAkwila, owazalelwa ePonto, ekunye noPrisila umkakhe. Wayesand' ukufika apho, evela eItali, ekubeni *uKhesare Klawudiyo wawagxothayo amaJuda awayeseRoma. Ebandwendwele uPawulos,
3
wahlala kunye nabo, wasebenza kunye nabo, kuba kaloku wayephila ngokwenza iintente njengabo.
4
Yonke imiGqibelo wayedla ngokubamba iingxoxo *endlwini yesikhungo, ezama ukuwanelisa amaJuda kwanamaGrike.
5
Bakufika ooSilas noTimoti, bevela eMakedoni, uPawulos akabanga senza nto yimbi ingekuko ukushumayela iindaba ezimnandi, ewacacisela amaJuda ukuba uYesu unguye uKrestu.
6
Kuthe akumchasa emngcikiva, wavuthulula iimpahla zakhe, ekhalala, esithi: “Ukuba nithe natshabalala, lityala lenu. Mna andinatyala kuloo nto. Ukususela ngoku ndiya ezintlangeni.”
7
Wabashiya ke waya kuhlala emzini kaTitiyo Yusto intlanga eyayimnqula uThixo. Umzi wakhe wawumelene nendlu yesikhungo.
8
UKrispo, igosa lendlu yesikhungo, wazinikela eNkosini kunye nentsapho yakhe. Kwabhaptizwa nenkitha yabantu eKorinte eyalivayo ilizwi yazinikela eNkosini.
9
Ngabusuku buthile uPawulos waba nombono apho, yathi iNkosi kuye: “Sukoyika, zingisa ukuthetha ungancami,
10
kuba mna ndinawe. Akukho mntu uya kukuchukumisa, kuba baninzi abantu bam kule dolophu.”
11
UPawulos wahlala apho ke unyaka onesiqingatha, ebafundisa ilizwi likaThixo abantu.
12
Kwathi akuba uGaliyo eyirhuluneli emele amaRoma kwisithili saseAkaya, amaJuda adibana ngoPawulos, amthatha amsa enkundleni, afika athi:
13
“Le ndoda izama ukuwexula abantu ukuba bakhonze uThixo ngendlela ephambeneyo nomthetho.”
14
Kwathi xa aza kuphendula uPawulos, uGaliyo wabhekisa kumaJuda wathi: “Ukuba ngaba lo mbandela ubuyimpazamo ethile, okanye ityala elibi, bendingade ndiyinyamezele le nto, maJuda.
15
Kodwa ke ngenxa yokuba lo mbandela uphathelele kumazwi, namagama, nomthetho wenu, ziboneleni nina ukuba ningawulungisa njani na. Mna andinakugweba izinto ezinjalo.”
16
Waza ke wabakhupha apho enkundleni.
17
Bahlasela uSosteno igosa lendlu yesikhungo, bambethela apho phambi kwenkundla. Kodwa yena uGaliyo zange azikhathaze ngaloo nto.
18
UPawulos wahlala apho eKorinte ixesha elide, waza ke wanduluka apho ngesikhephe enoPrisila noAkwila, basinga eSiriya. Wathi xa aseKenkreya wacheba intloko yakhe, kuba wayenze isifungo.
19
Bakufika e-Efese, uPawulos wabashiya ooPrisila noAkwila, waya endlwini yesikhungo, waxoxa khona namaJuda.
20
Babemcela ukuba ahlale nabo ixesha elide, kodwa akavuma.
21
Wasuka wathi xa ahambayo: “Ukuba ngaba kuyintando kaThixo ukuba ndibuye, ndobuya ndibuye.” Waza ke wemka e-Efese.
22
Akufika eKhesariya, wadlula waya kubulisa ibandla, waza ke waya eAntiyokwe.
23
Emva kwethuba elapho wemka, watyhutyha imimandla yaseGalati neyaseFrigi, ehamba ewomeleza onke amakholwa.
24
E-Efese kwafika umJuda, ogama linguApolo, owazalelwa eAlesandriya. Wayeliciko lokuthetha, futhi ezazi ngokucokisekileyo *iziBhalo.
25
Wayeqeqeshiwe ngeNdlela yeNkosi, ngokunjalo wayethetha ngokutshiseka ezifundisa iinyaniso ezingoYesu ngentembeko. Nangona kunjalo wayesazi ubhaptizo lukaYohane kuphela.
26
Wayethetha ngesibindi *endlwini yesikhungo. Bathi ke bakumva ooPrisila noAkwila, bammemela emzini wabo, bamcacisela kakuhle ngokuzeleyo iNdlela yeNkosi.
27
UApolo wagqiba ukuba aye kwelaseAkaya, aza amakholwa ase-Efese amkhuthaza amphathisa neleta emazisayo kumakholwa alapho. Akufika khona waba luncedo olukhulu kwabo babethe ngesisa sikaThixo baguquka,
28
kuba ngenxa yobuciko bakhe wayewoyisa amaJuda ezingxoxweni. Kaloku wayecaphula eziBhalweni, ebonisa ukuba uYesu *unguKrestu.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28