bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hebrews 1
Hebrews 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
1
Amaxesha ngamaxesha mandulo uThixo wathetha nookhokho bethu ngeendlela ezahlukeneyo ngomlomo *wabashumayeli.
2
Kodwa ke kula maxesha okugqibela uthethe nathi ngoNyana wakhe. UThixo wammisela ukuba abe yindlalifa yezinto zonke, kwaye futhi ihlabathi liphela walidala ngaye.
3
Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph' ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu.
4
Kaloku uNyana yena mkhulu kunezithunywa zezulu, kwaye ke uzuze negama elibalaseleyo kunelazo.
5
UThixo akukho sithunywa wakha wathi kuso: “UnguNyana wam wena, ndikuzele namhlanje;” engazange atsho nokuthi: “Ndiya kuba nguYise, yena abe nguNyana wam.”
6
Kwakhona ekuyiziseni kwakhe ehlabathini inkulu yakhe uThixo wathi: “Mazinqule yena zonke izithunywa zikaThixo.”
7
Ngokubhekiselele kwizithunywa zikaThixo kuthiwa: “Ulowenza imimoya izithunywa zakhe, nemibane elenyayo ibe zizicaka zakhe.”
8
Kodwa uthi mayela noNyana: “Kambe, ulawulo lwakho, Thixo, àluphele ndawo! Kwaye futhi wena ulawula ngobulungisa.
9
Ungumathand' ubulungisa, uyithiyile inkohlakalo. Ngenxa yaloo nto ke, Thixo, uThixo wakho ukuthambisile. Ewe, ukuthe jize ngesihomo nesithozela esingaphezulu kwesoogxa bakho.”
10
Uphinda athi: “Nguwe, Nkosi, owalidalayo ihlabathi ekuqalekeni; amazulu ênziwa zizandla zakho.
11
Xa zizonke ziya kudlula, kodwa wena uhlala uhleli; ziya kuguga njengeempahla.
12
Uya kuzisonga njengeengubo, zona ziya kutshintshwa njengesambatho; ube wena ungaguquki, ube wena ungagugi.”
13
UThixo zange atsho nakusinye isithunywa ukuthi: “Hlala ngakum kweli wonga lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.”
14
Kakade ke ngoobani izithunywa? Zingoomoya abathunywa nguThixo, benceda abo baziindlalifa zosindiso.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13