bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hebrews 5
Hebrews 5
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 6 →
1
Kaloku wonke umbingeleli omkhulu ukhethwa ebantwini, amiselwe ukuzakuza phakathi kwabantu noThixo. Unikela izipho namadini okungxengxezela izono.
2
Uyakwazi ukubanyamezela abo bazizityhifili nabo baphazamayo, kuba kaloku naye ngokwakhe unobuthathaka.
3
Ngenxa yaloo nto ke umelwe kukunikela amadini okungxengxezela izono zakhe kwakunye nezabantu.
4
Akukho mntu uzithathelayo eli wonga; elowo ubizwa nguThixo njengoAron.
5
Kunjalo ke nakuKrestu: naye akazange azithathele iwonga lokuba ngumbingeleli omkhulu. Walinikwa nguThixo, lo wathi kuye: “Wena unguNyana wam; namhlanje ndikuzele.”
6
Kwenye indawo uthi: “Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki, oya kuhlala ehleli.”
7
Esadla ubomi apha emhlabeni, wayedla ngokwenza imithandazo nezicelo, ekhala iinyembezi, ebhekisa kuThixo onamandla okumhlangula ekufeni. Wawuva uThixo umthandazo wakhe, ngenxa yokuzimisela kwakhe ukuthobela.
8
Ngoku kanye anguNyana kaThixo, intlupheko yamnika amava okuthobela.
9
Uthe ke akusulungeka wenziwa umthombo wosindiso olungapheliyo lwabo bamthobelayo,
10
emiselwe nguThixo waba ngumbingeleli omkhulu wodidi lukaMelkizedeki.
11
Zininzi iindawo ebesinokunichazela ngazo ngoMelkizedeki. Kodwa ke kusuke kwanzima nokunithela gqabagqaba oku, kuba kaloku nisuke naneentloko ezilukhuni.
12
Benifanelwe kukuba nifundisa ngokwenu ngoku. Kodwa kusuke kwafuneka ibe nini abafundiswayo, niqaliswe emva kwizifundo zokuqala ezingeendaba zikaThixo. Kusuke kwafuneka nisezwe ubisi endaweni yokuba ninikwe ukutya okuqinileyo.
13
Wonke umntu osezwa ubisi lusana; akakwazi okuhle nokubi.
14
Ngabantu abadala abatya ukutya okuqinileyo; bona sebenamava, bayawazi umahluko phakathi kokuhle nokubi.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13