bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hebrews 8
Hebrews 8
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 9 →
1
Nguwo lo ke umongo wentetho yam: Sinongako ke ukuba mkhulu umbingeleli, ohleli ewongeni kunye neNgangalala yezulu!
2
Ungena kweyona ingcwele indawo, intente eyakhiwe nguThixo, ingengabo abantu.
3
Wonke umbingeleli omkhulu umiselwe ukunikela izipho namadini. Nalo wethu umbingeleli umelwe kukuba nento ayinikelayo.
4
Ukuba ubelapha emhlabeni, ubengayi kuba ngumbingeleli konke. Kaloku apha bakho ababingeleli abanikela izipho ngokumiselwa ngumthetho kaMosis.
5
Phofu bona into abayenzayo ingumfuziselo nesithunzi nje sento yokwenene esezulwini. Wayexela loo nto uThixo ngamazwi awawabhekisa kuMosis, xa wayeza kwenza intente: “Qaphela ukuba yonke into uyenze ngokomzekelo owawuwuboniswe entabeni.”
6
Ke yena uYesu unikwe ububingeleli obuphakamileyo kunobabo. Kanti ke nomnqophiso awuzakuzelayo phakathi koThixo nabantu ukwamkhulu, ngenxa yokubaluleka kwezithembiso osekelwe phezu kwazo.
7
Ukuba ubungenagxeke umnqophiso wokuqala, bekungayi kubakho mfuneko yokuba ithathwe ngomnye indawo yawo.
8
Kodwa ke uThixo uyabagxeka; uthi: “ ‘Kuza imihla,’ itsho iNkosi, ‘apho ndiya kwenza umnqophiso omtsha namaSirayeli kunye nabantu bakwaJuda.
9
Ngumnqophiso ongayi kufana nondawenzela ooyise-mkhulu, mhla ndabakhokela ndibakhupha eJiputa. Bayidela imimiselo yomnqophiso, nam ke ndabafulathela,’ itsho iNkosi.
10
‘Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza namaSirayeli kwimihla ezayo,’ itsho iNkosi: ‘Ndoyifaka ezingqondweni zabo imiyalelo yam, ndiyishicilele ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.
11
Abayi kuba safundisana ngam elowo umntakwabo, elowo ummelwane wakhe, besithi: “Yazini iNkosi;” kuba bonke baya kundazi ukususela koyena mncinane kuse koyena mkhulu.
12
Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo, ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo.’ ”
13
Xa ke uThixo ethetha ngomnqophiso omtsha, loo nto ithetha ukuba uthi umnqophiso wokuqala ugugile, seluphelelwe, uza kutshitsha kwakamsinya.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13