bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hebrews 6
Hebrews 6
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 7 →
1
Ngoko ke masizishiye iimfundiso zabaqalayo, siqhubele phambili kwezo zamakholwa akhulileyo. Masingabi saphindela emva, sibeka iziseko zokukholwa kuThixo, nenguquko kwimisebenzi ephuthileyo esasiyenza,
2
sifundisa ngobhaptizo, nokubekwa kwezandla, ngokuvuka kwabafileyo, nomgwebo ongunaphakade.
3
Emandleni eNkosi siya kuyenza ke loo nto.
4
Abantu ababekhe balungcamla ukhanyiselo, basiva isipho sasezulwini, baba nenxaxheba kuMoya oyiNgcwele, bakuva nokulunga kwelizwi likaThixo namandla ephakade elizayo, baza ke bakreqa, kungangenkankulu ukuba babuye baguqulwe. Kaloku kwabona baphinde bamxhoma uNyana kaThixo, bamenza isigculelo nentlekisa.
7
Intsimi ezifunxayo iimvula ezinayo, ize ivelise isivuno esimkholisayo umniniyo, iyathamsanqelwa nguThixo.
8
Kanti ke esuka ivelise ukhula nameva ayinto yanto, iphuthile, ifanelwe ngumlilo.
9
Zihlobo zam ezithandekayo, nakuba ndithetha ngolu hlobo nje, ndeyisekile kukuba nikwimeko efanelekileyo elusindisweni.
10
Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.
11
Umnqweno wam kukuba nonke ngabanye ninga ningaqhubela phambili, nilubonakalisa olo langazelelo, lide lizaliseke ithemba lenu.
12
Andinqweneli ukuba nibe ngamanqenerha, koko ndifuna ukuba nilinganise abo bathe ngokholo nomonde balidla ilifa lezithembiso.
13
UThixo xa wayesenza isithembiso kuAbraham wazifunga kwayena; kaloku kwakungekho bani mkhulu kunaye wayengamfungayo.
14
Wenjenje ukuthetha: “Ndiya kukunisela amathamsanqa, sande sibe yinyambalala isizukulwana sakho.”
15
Ngenxa yomonde uAbraham wasizuza eso sithembiso.
16
Abantu xa befunga, bafunga lowo mkhulu kunabo; futhi ke isifungo siyayinqanda impikiswano.
17
NoThixo ke, xa wayefuna ukucacisela iindlalifa zesithembiso sakhe ukungaguquki kwenjongo yakhe, wasebenzisa isifungo.
18
Nâzo ke izinto ezimbini ezingenakujikwa – isifungo nesithembiso – ibe ke noThixo akanakuxoka. Ngoko ke thina basindileyo siyakhuthazwa ukuba sibambelele nkqi kweli themba liphambi kwethu.
19
Eli themba ke liyintsika yobomi bethu. Liyasikhusela, futhi lisisiqinisekiso. Lingena liye kutsho ngaphaya komkhusane,
20
apho uYesu aye kungena khona njengovulindlela omele thina. Kaloku yena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki oya kuhlala ehleli.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13