bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Peter 3
1 Peter 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
1
Ngokunjalo, nina bafazi, wathobeleni awenu amadoda; ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalivayo ilizwi, athi ngehambo yabafazi, lingekho ilizwi, azuzeke;
2
ebona ihambo yenu enyulu, enoloyiko.
3
Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo;
4
Makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.
5
Kuba besenjenjalo ukuhomba abafazi abangcwele, ababekholose ngoThixo, bewathobele awabo amadoda;
6
Kwanjengokuba uSara wamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi; eniziintombi eniziintombi zenu, ukuba nisenza okulungileyo, ningoyiki nakuqhiphuka umbilini.
7
Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.
8
Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nembeko;
9
Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; nisazi nje ukuba nabizelwa oko, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.
10
Kuba Lowo unga angathanda ubomi, Ayibone imihla elungileyo, Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini, Nomlomo wakhe ungathethi nkohliso.
11
Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo; makafune uxolo, aluphuthume.
12
Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa, neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo; ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.
13
Ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?
14
Nokuba nive ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo;
15
iNkosi ke iNkosi yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko;
16
ukuba nesazela esilungileyo; ukuze kuloo nto banithethela kakubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.
17
Ukuba ke kukuthanda kukaThixo ukuba nive ubunzima, okona kunilungeleyo kukubuva nisenza okulungileyo, kunokubuva nisenza okubi.
18
Kuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo, ebulewe esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.
19
Wahamba ngayo ke, washumayela koomoya abasentolongweni;
20
ababefudula bengeva, xenikweni ukuzeka kade umsindo kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa, xeshikweni kwakwakhiwa umkhombe, ekwathi kuwo abantu abambalwa, oko kukuthi, imiphefumlo esibhozo, yasindiswa ngamanzi.
21
Lowo ufana nqwa nobhaptizo olusisindisayo ngoku, ingekuko ukulahla ubunyhukunyhuku benyama;
22
osekunene kukaThixo, eye emazulwini; kuthotyelwe phantsi kwakhe izithunywa zezulu, noomagunya, namandla.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5