bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Peter 5
1 Peter 5
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
1
Amadoda amakhulu aphakathi kwenu ndiyawavuselela, mna ndikwayindoda enkulu, nengqina leentlungu zikaKristu, ndinesabelo ebuqaqawulini obuya kutyhileka;
2
Waluseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokwentumekelelo;
3
kungabi njengabazigagamelayo izahlulo zawo, yibani yimizekelo kumhlambi.
4
Nothi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo.
5
Ngokunjalo, nina batsha, wathobeleni amadoda amakhulu. Yambathani ukuthobeka kwentliziyo nonke; kuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo.
6
Zithobeni ngoko phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo,
7
liphoseni kuye lonke ixhala lenu; ngokuba unikhathalele.
8
Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo;
9
mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini.
10
Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi, nakuba nive ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.
11
Kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
12
NgoSilvano, umzalwana othembekileyo, njengoko ndicinga ngako, ndibhale kuni ngokufutshane, ndivuselela, ndingqina ukuba olu lubabalo oluyinene lukaThixo, nimiyo kulo.
13
Liyanibulisa ibandla eliseBhabheli, elinyuliweyo kunye nani; ngokunjalo noMarcus unyana wam.
14
Bulisanani ngolwango lothando. Uxolo malube nani nonke enikuKristu Yesu. Amen.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
All chapters:
1
2
3
4
5