bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Peter 4
1 Peter 4
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
1
Ekubeni ngoko uKristu eve ubunzima ngenxa yethu esenyameni, xhobani nani kwaloo ngcingane; ngokuba lowo uve ubunzima esenyameni, ukhunyulwe ekoneni;
2
ukuze ixesha eliseleyo enyameni ningabi saliphilela ezinkanukweni zabantu, niliphilele ekuthandeni kukaThixo.
3
Kuba lanele ixesha elidluleyo ukuba sisebenze ukuthanda kweentlanga, esahamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, ezindywaleni, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni;
4
Ekubeni benithe nqa, ukuba anibaleki nabo kuloo myezo wonakeleyo, benyelisa;
5
abaya kuphendula kulowo ulungele ukugweba abaphilileyo nabafileyo.
6
Kuba ngenxa yoku zashunyayelwa iindaba ezilungileyo nakwabafileyo, ukuze bagwetywe ngokwabantu besenyameni, kodwa badle ubomi ngokukaThixo, bekuwo umoya.
7
Ke kaloku ukuphela kweento zonke kusondele. Yibani nobungcathu, niphaphamele ukuthandaza.
8
Ngaphezu kweento zonke ke yibani nothandano olunyamekileyo, ngokuba uthando luya kugubungela inkitha yezono.
9
Bukani iindwendwe ngaphandle kokukrokra.
10
Ngoko wonke umntu wasamkelayo isiphiwo eso, khonzanani ngaso, njengamagosa amahle obabalo lukaThixo.
11
Ukuba umntu uyathetha, makathethe ngokwezihlabo zikaThixo; ukuba umntu uyalungiselela, makalungiselele ngokwasekomeleleni akuphiwa nguThixo, ukuze ezintweni zonke azukiswe uThixo ngoYesu Kristu, elulolwakhe uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
12
Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu;
13
Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba.
14
Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo; kuba uMoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwenu; ngokukokwabo uyanyeliswa, kodwa ngokukokwenu uyazukiswa.
15
Makungabikho ke bani kuni uva ubunzima ngokombulali, nangokwesela, nangokomenzi wobubi, nangokovelela izinto ezimbi;
16
Ukuba ke ubani uva ubunzima ngokuba engumKristu, makangadani; makamzukise ke uThixo ngenxa yoko.
17
Kaloku ixesha lokuba umgwebo uqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqale kuthi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangazithobeliyo iindaba ezimnandi zikaThixo?
18
Ke ukuba ilungisa lisindiswa ngenkankulu, wobonakala phi na umntu ongahloneli Thixo nomoni?
19
Ngoko ke abo babuvayo ubunzima ngokokuthanda kukaThixo, mabayiyaleze kuye imiphefumlo yabo, enguMdali othembekileyo ekwenzeni okulungileyo.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5