bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Timothy 1
1 Timothy 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 2 →
1
uPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokomthetho kaThixo uMsindisi wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu, ithemba lethu;
2
ubhalela uTimoti, umntwana wakhe kanye ngokwaselukholweni; uthi, Makube lubabalo, inceba, uxolo, oluvela kuThixo uBawo, noKristu Yesu iNkosi yethu.
3
Njengoko ndakuyalayo ukuba uhlale e-Efese, ndakuba mna ndisiya kwelaseMakedoni, uhlale e-Efese, ukuze ubathethele abanye, bangafundisi mfundiso yimbi;
4
kananjalo banganyamekeli zintsomi namilibo yakuzalwa engaphele ndawo, izinto ezo ezibanga iimbuzwano, zisingise elukholweni;
5
Ke intsingiselo yomthetho iluthando oluphuma entliziyweni ehlambulukileyo, nasesazeleni esilungileyo, naselukholweni olungahanahanisiyo;
6
abathe abathile, beziphosile kuzo, baphambukela ekuthetheni okungento yanto;
7
bethanda ukuba ngabafundisi bomthetho; bengaziqondi izinto abazithethayo, kwanezingqinayo.
8
Siyazi ke ukuba umthetho mhle, ukuba umntu uthi awuphathe ngokomthetho;
9
nisazi nje oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lilungisa, uwiselwe abachasene nomthetho, nabangevayo, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, abahlambelayo, ababulali ooyise, ababulali oonina, izigwinta;
10
Abenzi bombulo, amadoda azenza iinqambi, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo;
11
ngokweendaba ezilungileyo zozuko lukaThixo osikelelekileyo, endaphathiswa zona mna.
12
Ndiyambulela uKrestu Yesu iNkosi yethu, owandinika amandla, kuba wandibalela ekuthini ndithembekile, endimisela ebulungiselelini.
13
Ndandifudula ndingumnyelisi, nomtshutshisi, nomphathi kakubi; ndesuka ndenzelwa inceba, ngokuba ndakwenza oko ndingazi, ndisekungakholweni;
14
Yanda ngokuncamisileyo ubabalo lweNkosi yethu, lunokholo nothando olukuKristu Yesu.
15
Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise aboni; endingomkhulu kubo;
16
Noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade.
17
Kuye uKumkani wawo amaphakade, ongenakonakala, ongenakubonakala, kuThixo olumkileyo yedwa, makubekho imbeko nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
18
Loo myalelo ndiwunika wena Timoti, mntwana wam, ngokweziprofeto ezandulelayo ngawe, ukuze ulwe imfazwe entle ngazo.
19
Yiba nokholo, nesazela esilungileyo; abathe abathile balululahlile ukholo, baphukelwa ngumkhombe;
20
inoHimenayo noAlesandire; endibanikele kuSathana, ukuze bafunde ukunganyelisi.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6