bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Timothy 3
1 Timothy 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 4 →
1
Lithembekile ilizwi eli lithi, Ukuba ubani ungxamele ubuveleli, unqwenela umsebenzi omhle.
2
Umveleli ngoko umelwe kukuthi abe ngongenakukhalazelwa, eyindoda yamfazi mnye, eyingcathu, enesidima, ezibekile, ebuka iindwendwe, enokufundisa;
3
Engasengazilahleli kwiwayini, engengomntu unxanela inzuzo embi; Uzeke kade umsindo, angabi ngolwa, angabi ngabawa;
4
eyongamele kakuhle eyakhe indlu, abantwana bakhe bemthobele, benokundileka konke.
5
(Kuba ukuba umntu akakwazi ukuyongamela eyakhe indlu, angathini na ukuphatha ibandla likaThixo?)
6
angabi ngosandula ukuvela, hleze akhukhumele, awele ekugwetyweni nguMtyholi.
7
Ngaphezu koko ke umelwe kukuthi abe nobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle; hleze awele engcikivweni nasesibatheni soMtyholi.
8
Kwangokunjalo abalungiseleli bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ntlolela yombini, bangazinikeli kwiwayini eninzi, bangangxameli nzuzo imbi;
9
mababe nemfihlo yokholo esazeleni esihlambulukileyo.
10
Nabo aba ke mabacikidwe kuqala; mabandule ke benze umsebenzi wobudikoni, bengenakusoleka.
11
Kwangokunjalo abafazi bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ngabahlebi; mababe nesidima, bathembeke ezintweni zonke.
12
Abalungiseleli mababe ngamadoda abafazi ngabanye, besongamela kakuhle abantwana nezindlu ezizezabo.
13
Kuba abo balungiselela kakuhle bazizuzela isimo esihle, nokungafihlisi okukhulu ekukholweni kuKristu Yesu.
14
Ezi zinto ndizibhala kuwe, ndithembe ukuba ndiya kuza kuwe kamsinya.
15
Ukuba ke ndithe ndalibala, ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso.
16
Kananjalo, ngokuvunyiweyo, inkulu imfihlelo yona leyo yokuhlonela uThixo: wabonakalaliswa esenyameni, wagwetyelwa esemoyeni, wabonakala kwizithunywa zezulu, wavakaliswa phakathi kweentlanga, kwakholwa kuye ehlabathini, wenyuswa waba sebuqaqawulini.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6