bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Timothy 5
1 Timothy 5
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 6 →
1
Indoda enkulu musa ukuyithethisa kabukhali, yiyale njengoyihlo; amancinane, njengabazalwana;
2
Abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, unobunyulu bonke.
3
Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene.
4
Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.
5
Ke yena ongumhlolokazi ngenene, eshiywe yedwa, uthembela kuThixo;
6
Kodwa yena oxhamla iziyolo ufile, nakuba ngathi udla ubomi.
7
Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakusoleka.
8
Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo.
9
Makangabalelwa enanini lomhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu, engumfazi wandoda-nye;
10
engqinelwe ngemisebenzi emihle; ukuba wondle abantwana, ukuba wamkele iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo.
11
Ke bona abahlolokazi abatsha bamangale; kuba xa bathe badimala kuKristu, baya kutshata;
12
benesigwebo ngenxa yokuba belulahle ukholo lwabo lokuqala.
13
Kunye noko ke bafunda ukungasebenzi nto, bethungelana nezindlu; banganeli kungasebenzi nto kodwa, besuka kananjalo babe ngamapholopholo, bazifake kwizinto zabanye, bathethe izinto ezingafanelekileyo.
14
Ngoko ndinga abahlolokazi abatsha bangenda, bazale, babe ngabanikazi-mizi, bangamniki ochasayo nalinye ithuba lokutshabhisa.
15
Kuba inxenye iseyiphambukele emva koSathana.
16
Ukuba kukho abahlolokazi abakholwayo, indoda nokuba yinkosikazi, makabancede, bangathwali ibandla; ukuze ibasize abahlolokazi okwenyaniso.
17
Amadoda amakhulu alongamela kakuhle makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindiweyo, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni.
18
Kuba isibhalo sithi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe.
19
Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela, kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu.
20
Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika.
21
Ndiyakuyala phambi koThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani.
22
Uze ungabeki mntu izandla ngesiquphe, ungadlelani nabo ngezono zabanye; zigcine nyulu.
23
Musa ukuba sasela manzi; sela intwana yewayini, ngenxa yesisu sakho, nobulwelwe bakho obufuthi.
24
Izono zabanye abantu zisekuhleni kanye, ziyandulela ukuya emgwebeni; abanye bayawalandela.
25
Kwangokunjalo nemisebenzi emihle isekuhleni kanye; nezingenjalo azinakufihlakala.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6