bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Timothy 2
1 Timothy 2
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 3 →
1
Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke;
2
Ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni; ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.
3
Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo;
4
onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.
5
Kuba mnye uThixo, mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu;
6
lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo;
7
endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni.
8
Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo.
9
Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima; Ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu;
10
mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo.
11
Umfazi makafunde ethe cwaka, enokuzithoba konke.
12
Kodwa andimvumeli umfazi ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; kodwa makathi cwaka.
13
Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva.
14
Ke kaloku akakhohliswanga uAdam, kodwa ngumfazi owalukuhlwayo waba sisigqitho.
15
Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6