bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
1 Samuel 18
1 Samuel 18
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 19 →
1
Kwathi, xa agqibileyo ukuthetha kuSawule, umphefumlo kaYonatan wabophana nomphefumlo kaDavide; uYonatan wamthanda njengomphefumlo wakhe.
2
USawule wamthabatha ngaloo mini, akamvumela ukuba abuyele endlwini kayise.
3
Benza umnqophiso ooYonatan noDavide, ngokumthanda kwakhe njengomphefumlo wakhe.
4
UYonatan wazihluba ingubo yokwaleka abenayo, wayinika uDavide, neengubo zakhe zokulwa, kwesa nakwikrele lakhe, nakwisaphetha sakhe, nakumbhinqo wakhe.
5
Waphuma uDavide, waya apho wathunywa khona nguSawule, wenza ngengqiqo. USawule wammisa phezu kwamadoda okulwa; walunga emehlweni abantu bonke, nasemehlweni abakhonzi bakaSawule.
6
Kwathi ekufikeni kwabo, ekubuyeni kukaDavide ekumbulaleni umFilisti, baphuma abafazi emizini yonke yakwaSirayeli, bevuma ingoma, bengqungqa, besiza kumkhawulela uSawule ukumkani ngeengqongqo, nangovuyo, nangeetriyangile.
7
Bavuma abafazi abaqambayo, bathi, USawule ubulele amawaka akhe, UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi.
8
USawule wavutha kunene ngumsindo, lalibi emehlweni akhe elo lizwi; wathi, UDavide bamnike amawaka alishumi, mna bandinike amawaka nje; sekusele ukuthi ubukumkani bube bobakhe.
9
USawule wahlala emgxeleshile uDavide, kususela kuloo mini.
10
Kwathi ngengomso, umoya ombi kaThixo wamfikela ngamandla uSawule, wageza endlwini; uDavide ebetha uhadi ngesandla sakhe njengemihla; intshuntshe isesandleni sikaSawule.
11
USawule wabinza ngentshuntshe, wathi, Ndiya kumqhama nodonga uDavide. UDavide waphepha izihlandlo zazibini phambi kwakhe.
12
USawule wamoyika uDavide, ngokuba uYehova ebenaye, emkile kuSawule.
13
USawule wamsusa kuye, wammisa wangumthetheli wakhe wewaka;waphuma engena phambi kwabantu.
14
UDavide wenza ngengqiqo ezindleleni zakhe zonke, uYehova waye enaye.
15
Wabona uSawule ukuba unengqiqo enkulu, wanxunguphala bubuso bakhe;
16
ke onke amaSirayeli namaYuda ebemthanda uDavide, ngokuba ebephuma engena phambi kwawo.
17
Wathi uSawule kuDavide, Nantso intombi yam enkulu, uMerabhi; ndiya kunika ibe ngumkakho; kodwa yiba ngumfo onobukroti kum, ulwe iimfazwe zikaYehova. USawule ebesithi, Makungafiki esam isandla kuye, makufike esamaFilisti isandla kuye.
18
Wathi uDavide kuSawule, Ndingubani na, ayintoni na amakowethu, iyini imizalwane kabawo kwaSirayeli, ukuba ndibe ngumyeni kukumkani?
19
Kwathi ngexesha lokuba uMerabhi, intombi kaSawule, anikwe uDavide, wasuka wanikwa uAdriyeli waseMehola, ukuba abe ngumkakhe.
20
UMikali, intombi kaSawule, yamthanda uDavide. Waxelelwa uSawule, yalunga loo nto emehlweni akhe.
21
Wathi uSawule, Ndiya kumnika yona ibe ngumgibe kuye, sibe kuye isandla samaFilisti. Wathi uSawule kuDavide, Uya kuba ngumyeni kum namhla ngandlela mbini.
22
USawule wabawisela abakhonzi bakhe umthetho, wathi, Thethani ngasese kuDavide, nithi, Yabona, ukumkani ukunanzile, bonke abakhonzi bakhe bayakuthanda; ke ngoko yiba ngumyeni kukumkani.
23
Bawathetha abakhonzi bakaSawule loo mazwi ezindlebeni zikaDavide. Wathi uDavide, Yinto elula na emehlweni enu ukuba ngumyeni kukumkani, ndiyindoda elihlwempu nje, ndilula nje?
24
Abakhonzi bakaSawule bamxelela, besithi, UDavide uthethe wenjenje.
25
Wathi uSawule, Yitshoni kuDavide ukuthi, Ukumkani akananze khazi; lingaba likhulu leenyama zokwaluswa zamaFilisti, ukuba aziphindezelele ezintshabeni zokumkani. Ke uSawule ubecinga ukumwisa uDavide ngesandla samaFilisti.
26
Abakhonzi bakhe bamxelela uDavide loo mazwi; yalunga loo nto emehlweni kaDavide, ukuba abe ngumyeni kukumkani. Ke kaloku imihla ibingekazaliseki.
27
Wesuka uDavide, waya yena namadoda akhe, wabulala kumaFilisti amadoda angamakhulu amabini. UDavide wazizisa iinyama zokwaluswa zawo, wazinika ukumkani zingangoko zingako, ukuba abe ngumyeni kukumkani. USawule wamnika ke uMikali intombi yakhe, yangumkakhe.
28
Wakubona uSawule, wakwazi ukuba uYehova ebenoDavide.UMikali intombi kaSawule ubemthanda.
29
USawule wamoyika okunye uDavide; uSawule waba lutshaba kuDavide imihla yonke.
30
Baphuma abathetheli bamaFilisti; kwathi, bakuphuma, uDavide wenza ngengqiqo ngaphezu kwabakhonzi bonke bakaSawule.Lanconywa kunene igama lakhe.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31