bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
1 Samuel 19
1 Samuel 19
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 20 →
1
Wathetha uSawule kuYonatan unyana wakhe, nakubakhonzi bakhe bonke, ukuba bambulale uDavide.
2
Ke uYonatan, unyana kaSawule, ube emthanda kunene uDavide.UYonatan wamxelela uDavide, esithi, USawule ubawo ufuna ukukubulala; ngoko uze ukhe uzigcine kusasa, uhlale endaweni esese, uzimele.
3
Mna ndiya kuphuma, ndime ngasecaleni likabawo endle, apho ukhona, ndithethe kubawo ngawe, ndikubone oko aya kukuthetha, ndikuxelele.
4
UYonatan wathetha okulungileyo ngoDavide kuSawule uyise, wathi kuye, Makangoni ukumkani kumkhonzi wakhe uDavide; ngokuba akonanga kuwe; kuba izenzo zakhe zithe zalunga kunene kuwe;
5
umphefumlo wakhe wawenza isichenge, wambulala umFilisti, uYehova wawenzela amaSirayeli onke usindiso olukhulu; wabona nawe wavuya. Yini na ke ukuba wone kwigazi elimsulwa, umbulale uDavide kungekho sizathu?
6
Waliphulaphula uSawule izwi likaYonatan, wafunga uSawule, wathi, Ehleli nje uYehova, akayi kubulawa.
7
UYonatan wambiza uDavide; uYonatan wamxelela la mazwi onke.UYonatan wamzisa uDavide kuSawule; waba phambi kwakhe, njengangaphambili.
8
Yabuya yabakho imfazwe; waphuma uDavide, walwa namaFilisti, wawabulala kakhulu; asaba phambi kwakhe.
9
Umoya ombi kaYehova wamfikela uSawule, ehleli endlwini yakhe, intshuntshe yakhe isesandleni sakhe, uDavide ebetha uhadi ngesandla.
10
USawule wafuna ukumqhama nodonga uDavide ngentshuntshe.Wathi nyebelele ebusweni bukaSawule; watsho yangena intshuntshe eludongeni. Wasaba uDavide, wasinda ngobo busuku.
11
USawule wathumela abathunywa endlwini kaDavide ukuba bamlinde, bambulale kusasa. UMikali, umkakhe, wamxelela uDavide, esithi, Ukuba uthe akwawusindisa umphefumlo wakho kwangobu busuku, wobulawa ngomso.
12
UMikali wamhlisa uDavide ngefestile. Wahamba wabaleka, wasinda.
13
UMikali wayithabatha imilonde-khaya, wayilalisa elukhukweni, wabeka nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo, wayigubungela ngengubo.
14
USawule wasusa abathunywa ukuba bamthabathe uDavide. Wathi yena, Uyafa.
15
USawule wasusa abathunywa ukuba baye kumkhangela uDavide, esithi, Nyukani, nize naye kum ngokhuko, ndimbulale.
16
Bangena abathunywa, O! yimilonde-khaya le iselukhukweni, nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo.
17
Wathi uSawule kuMikali, Yini na ukuba wenjenje ukundikhohlisa, ulundulule uthsaba lwam lusinde. Wathi uMikali kuSawule, Wathi yena kum, Ndiyeke ndimke, yini na ukuba ndikubulale?
18
Ebalekile uDavide, wasinda, waya kuSamuweli eRama, wamxelela konke abekwenzile uSawule kuye. Wahamba yena noSamuweli, bahlala eNayoti.
19
Waxelelwa uSawule, kusithiwa, Nanko uDavide eNayoti ngaseRama.
20
USawule wasusa abathunywa bokumbamba uDavide. Babona ibandla labaprofeti beprofeta, noSamuweli emi engumongameli wabo. UMoya kaThixo wabafikela abathunywa bakaSawule, baprofeta kananjalo nabo.
21
Waxelelwa uSawule, wasusa abanye abathunywa, baprofeta kananjalo nabo. Waphinda uSawule wasusa abathunywa bengabesithathu, baprofeta kananjalo nabo.
22
Waya naye eRama, wafika kwiqula elikhulu eliseSeku, wabuza, wathi, Baphi na ooSamuweli noDavide? Kwathiwa, Nabaya eNayoti ngaseRama.
23
Waya khona eNayoti ngaseRama, uMoya kaThixo wamfikela naye; wahamba ehamba eprofeta, wada wafika eNayoti ngaseRama.
24
Wazihluba naye iingubo zakhe, waprofeta naye phambi koSamuweli, wawa phantsi eze yonke loo mini, nobo busuku bonke.Ngenxa yoko kwathiwa, Ukubaprofeti noSawule na?
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31