bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
1 Samuel 8
1 Samuel 8
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 9 →
1
Kwathi, xenikweni uSamuweli alixhego, wabamisa oonyana bakhe baba ngabagwebi kumaSirayeli.
2
Igama lonyana wakhe wamazibulo lalinguYoweli, igama lowesibini lalinguAbhiya; bengabagwebi eBher-shebha.
3
Oonyana bakhe abahambanga ngendlela yakhe, banabela inzuzo embi, bamkela izicengo, basijika isigwebo.
4
Aza ahlanganisana onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, eza kuSamuweli eRama, athi kuye, Uyabona,
5
waluphele wena, oonyana bakho abahambi ngendlela yakho;simisele ngoko ukumkani wokusilawula, njengeentlanga ezi zonke.
6
Laba libi elo zwi emehlweni kaSamuweli, xa bathi, Sinike ukumkani wokusilawula. Wathandaza uSamuweli kuYehova.
7
Wathi uYehova kuSamuweli, Liphulaphule izwi labantu entweni yonke abayithethayo kuwe; ngokuba ingenguwe abamgibileyo, bagibe mna, ukuze ndingabi ngukumkani kubo.
8
Ngokwezenzo zonke abazenzileyo, kuselokwemini endabanyusayo eYiputa kwada kwaba namhla, bandishiya, bakhonza thixo bambi, benjenjalo namhla nakuwe.
9
Liphulaphule ngoko izwi labo; kodwa uze ubaqononondise kakuhle, ubaxelele isiko aya kuphatha ngalo ukumkani oya kuba ngukumkani wabo.
10
Wabaxelela ke uSamuweli abo bantu babebiza ukumkani kuye onke amazwi kaYehova.
11
Wathi, Lilo eli isiko lokumkani oya kuba ngukumkani kuni:Oonyana benu uya kubathabatha abamisele yena ezinqwelweni zakhe zokulwa, nasemahasheni akhe akhwelwayo, babaleke phambi kwenqwelo yakhe;
12
abamisele yena babe ngabathetheli bamawaka, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, balime amasimi akhe, bavune ukutya kwakhe, benze iimpahla zakhe zemfazwe neempahla zenqwelo yakhe.
13
Iintombi zenu wozithabatha zibe ngabaqholikazi, nabapheki, nabosi bezonka.
14
Amasimi enu wowathabatha, nezidiliya zenu, nezinquma zenu ezona zilungileyo, azinike abakhonzi bakhe;
15
nesishumi sembewu yenu asibize, nesezidiliya zenu, asinike ababusi bakhe nabakhonzi bakhe.
16
Abakhonzi benu uya kubathabatha, nabakhonzazana benu, namadodana enu, namaesile enu, enze umsebenzi wakhe;
17
isishumi sempahla yenu emfutshane asibize; nina nibe ngabakhonzi bakhe.
18
Niya kukhala ngaloo mini ngokumkani wenu enazinyulelayo, anganiphenduli uYehova ngaloo mini.
19
Abavuma abantu ukuliphulaphula ilizwi likaSamuweli; bathi, Hayi, inene, masibe nokumkani;
20
nathi sibe njengeentlanga ezi zonke, asilawule ukumkani wethu, aphume phambi kwethu, alwe iimfazwe zethu.
21
Waweva uSamuweli onke amazwi abantu, wawathetha ezindlebeni zikaYehova.
22
Wathi uYehova kuSamuweli, Liphulaphule izwi labo, ubenzele ukumkani. Wathi uSamuweli kumadoda akwaSirayeli, Hambani niye elowo emzini wakhe.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31