bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
1 Samuel 30
1 Samuel 30
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 31 →
1
Kwathi, akufika uDavide namadoda akhe eTsikelage ngomhla wesithathu, afika ama-Amaleki elingenele elasezantsi neTsikelage, ayibetha iTsikelage, ayitshisa ngomlilo.
2
Abathimba abafazi ababekhona, kodwa akabulala mntu, ukuthabathela komncinane ase komkhulu; aqhuba ahamba ngendlela yawo.
3
Akufika ke uDavide namadoda akhe ekhaya, nalo litshisiwe ngomlilo, bethinjiwe abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo.
4
Baliphakamisa ooDavide nabantu ababenaye ilizwi labo, balila, kwada akwabakho mandla kubo okulila.
5
Nabafazi bakaDavide bobabini babethinjiwe, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele.
6
Wabandezeleka kunene uDavide; ngokuba abantu babethetha ngokumxuluba ngamatye; kuba umphefumlo wabantu bonke ubukrakra, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe. Ke uDavide wazomelezela kuYehova uThixo wakhe.
7
Wathi uDavide kuAbhiyatare umbingeleli, unyana ka-Ahimeleki, Khawuzise iefodi kum. UAbhiyatare wayizisa iefodi kuDavide.
8
Wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndiwasukele na la matutu?Ndowafumana na? Wathi kuye, Sukela; ngokuba uya kuwafumana okunene; uya kuhlangula konke.
9
Wahamba ke uDavide, yena namadoda angamakhulu amathandathu anawo. Bafika emlanjaneni oyiBhesore, amanye asala khona.
10
Wasukela uDavide, yena namakhulu amane amadoda; asala ke amakhulu amabini amadoda aphelelweyo, angenakuwela emlanjaneni oyiBhesore.
11
Ke kaloku bafumana indoda engumYiputa isendle. Bayizisa kuDavide, bayinika isonka; yadla; bayiseza amanzi;
12
bayinika ke icandelo lesicumba samakhiwane namacandelo amabini esicumba seerasintyisi, yadla. Wabuyela kuyo umoya wayo; kuba ibingadlanga kudla, ingaselanga manzi, iimini ezintathu nobusuku obuthathu.
13
Wathi uDavide kuyo, Ungumni na? Uvela phi na? Yathi, Ndingumfana ongumYiputa, isicaka sendoda engumAmaleki;indishiyile inkosi yam; kuba ndintsuku ntathu namhla ndisifa.
14
Sibe sithe sangenela elasezantsi lamaKreti nelakwaYuda, nelasezantsi lakwaKalebhi, sayitshisa iTsikelage ngomlilo.
15
Wathi uDavide kuyo, Ungandisa na kuloo matutu? Yathi, Ndifungele uThixo, ukuba akuyi kundibulala, akuyi kundinikela esandleni senkosi yam; ndokusa kuloo matutu.
16
Yamsa ke. Nango ezithe dwe phezu kwelizwe lonke, esidla, esela, eduda ngenxa yalo lonke ixhoba elikhulu, abelithimbile ezweni lamaFilisti, nasezweni lakwaYuda.
17
UDavide wawabulala, eqale ngocolothi kwada kwahlwa ngomhla olandelayo; akwasinda namnye kubo, yaba ngamakhulu amane amadodana odwa abekhwele ezinkameleni, asaba.
18
Wayihlangula uDavide yonke into abeyithimbile ama-Amaleki.Nabafazi bakhe bobabini wabahlangula uDavide;
19
akwasala nanye into kuzo, kuthabathela kwencinane kwesa kwenkulu, kwesa koonyana neentombi; kwathabathela kwixhoba kwesa kwinto yonke abeyithimbile kubo. Yonke into wayibuyisa uDavide.
20
Wayithimba yonke impahla emfutshane neenkomo; baqhuba phambi kwaloo mfuyo yakhe, bathi, Lixhoba likaDavide eli.
21
Wafika ke uDavide kulaa madoda angamakhulu mabini abephelelwe, abengenakumlandela uDavide, awayewashiye emlanjaneni oyiBhesore. Aphuma aya kumkhawulela uDavide aya kubakhawulela abantu ababenaye. UDavide wafika ebantwini, wababuza ukuphila kwabo.
22
Aphendula onke amadoda obubi namatshijolo akumadoda abehambe noDavide, athi, Ngenxa enokuba bengahambanga nathi, asiyi kubanika nto emaxhobeni esiwahlanguleyo; elowo makaqhube umkakhe, nabantwana bakhe, ahambe.
23
Wathi uDavide, Ningenjenjalo, bazalwana bam, ngento asinikileyo uYehova, wasigcina, wayinikela esandleni sethu impi leyo ibisifikele.
24
Ngubani na oya kuniva kweli lizwi? Njengoko sinjalo isabelo sohla aye ekulweni, sinjalo isabelo sosele nempahla;baya kwabelana ngakunye.
25
Kwaba njalo, kuthabathela kuloo mini kunyuse, wakumisa kwaba ngummiselo nesiko kwaSirayeli unanamhla.
26
Weza uDavide eTsikelage, wathumela inxenye yamaxhoba kumadoda amakhulu akwaYuda, kumakowabo, esithi, Nantso intsikelelo yenu emaxhobeni eentshaba zikaYehova;
27
kwawaseBheteli, nakwawaseRamoti esezantsi, nakwawaseYatire,
28
nakwawaseArohere, nakwawaseSifimoti, nakwawase-Eshtemowa,
29
nakwawaseRakali, nakwawasemizini yamaYerameli, nakwawasemizini yamaKeni,
30
nakwawaseHorma, nakwawaseKorashan, nakwawaseAtaki,
31
nakwawaseHebron, nasezindaweni zonke apho uDavide abehambahamba khona, yena namadoda akhe.
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 31 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31