bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Kings 11
2 Kings 11
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 12 →
1
Ke kaloku uAtaliya, unina ka-Ahaziya, uthe, akubona ukuba unyana wakhe ufile, wesuka wayitshabalalisa yonke imbewu yokumkani.
2
Ke uYoshebha, intombi yokumkani uYehoram, udade boAhaziya, wamthabatha uYowashe unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawayo, wamsa yena nomondli wakhe egumbini lokulala, bamfihla kuAtaliya, ukuba angabulawa.
3
Wayenaye endlwini kaYehova, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu. Waye uAtaliya engukumkanikazi kulo ilizwe.
4
Ngomnyaka wesixhenxe uYehoyada wathumela, wathabatha abathetheli-makhulu basebancinithini nabasezigidimini, wabazisa kuye endlwini kaYehova. Wabamisela umnqophiso, wabafungisa endlwini kaYehova, wababonisa unyana wokumkani.
5
Wabawisela umthetho, wathi, Yiyo le into eniya kuyenza:Isahlulo sesithathu kuni, bangenayo ngesabatha, sogcina isigxina sendlu yokumkani;
6
esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni laseSure; esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni emva kwezigidimi; nisigcine isigxina sendlu, nithintele.
7
Ke izahlulo ezibini phakathi kwenu nonke, niphumayo ngesabatha, zosigcina isigxina sendlu kaYehova kukumkani;
8
nimphahle ukumkani ngeenxa zonke, elowo eneentonga zakhe esandleni sakhe; athi ongene ezintlwini abulawe, nibe nokumkani ekuphumeni kwakhe nasekubuyeni kwakhe.
9
Benza ke abathetheli-makhulu ngako konke uYehoyada umbingeleli abewise umthetho ngako. Bathabatha elowo amadoda akhe, angenayo ngesabatha, kunye naphumayo ngesabatha, beza kuYehoyada umbingeleli.
10
Umbingeleli wabanika abathetheli-makhulu iintshuntshe namakhaka abe engawokumkani uDavide, abesendlwini kaYehova.
11
Zema izigidimi, saeso saba neentonga zaso esandleni saso, zathabathela kwiphiko lasekunene lendlu, zesa kwiphiko lasekhohlo lendlu, ngasesibingelelweni, ngasendlwini, ngeenxa zonke kukumkani.
12
Wamkhuphela phandle unyana wokumkani, wamfaka isithsaba wamnika nesingqiniso. Bamenza ukumkani, bamthambisa, babetha izandla, bathi, Makadle ubomi ukumkani!
13
Uthe uAtaliya, akusiva isandi sezigidimi nesabantu, waya kubo abantu endlwini kaYehova.
14
Wakhangela, nanko ukumkani emi endaweni ephakamileyo ngokwesiko, nabathetheli nabavutheli ngamaxilongo bengakukumkani; abantu bonke belizwe bevuya, bevuthela amaxilongo. Wazikrazula iingubo zakhe uAtaliya, wakhala wathi, Licebo! Licebo!
15
UYehoyada umbingeleli wabawisela umthetho abathetheli-makhulu, abaveleli bempi leyo, wathi kubo, Mkhupheleni phandle phakathi kwezintlu; omlandelayo makabulawe ngekrele. Ngokuba ubesithi umbingeleli, makangabulawelwa endlwini kaYehova. Bamkhwelela ngeenxa zombini.
16
Waya endlwini yokumkani ngendlela yokungena kwamahashe, wabulawelwa khona.
17
Wawenza uYehoyada umnqophiso phakathi koYehova nokumkani nabantu, ukuba babe ngabantu bakaYehova; naphakathi kokumkani nabantu.
18
Baya bonke abantu belizwe endlwini kaBhahali, bayidiliza;izibingelelo zakhe nemifanekiso yakhe bayiqhekeza kwaphela.Bambulala uMatan, umbi ngeleli kaBhahali, phambi kwesibingelelo. Umbingeleli wamisa abaveleli endlwini kaYehova.
19
Wabathabatha abathetheli-makhulu, nabancinithi, nezigidimi, nabantu bonke belizwe, behla nokumkani endlwini kaYehova, baya endlwini yokumkani ngendlela yesango lezigidimi.Wahlala ke etroneni yokumkani.
20
Bavuya bonke abantu belizwe; wazola umzi; kuba babembulele uAtaliya ngekrele endlwini yokumkani.
21
UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25