bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Kings 13
2 Kings 13
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 14 →
1
Ngomnyaka wamashumi omabini anamithathu kaYowashe unyana ka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYehowahazi, unyana kaYehu, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi elinesixhenxe.
2
Wenza okubi emehlweni kaYehova, walandela izono zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli;akatyeka kuzo.
3
Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sikaHazayeli ukumkani wakwa-Aram, nasesandleni sikaBhen-hadadi, unyana kaHazayeli, yonke imihla.
4
UYehowahazi wambongoza uYehova; uYehova wamva ke; ngokuba wakubona ukuxinwa kwamaSirayeli; ngokuba ukumkani wama-Aram wayewaxinile.
5
(UYehova wawanika amaSirayeli umsindisi, aphuma phantsi kwesandla sama-Aram; bahlala oonyana bakaSirayeli ezintenteni zabo, njengokwangaphambili;
6
nakuba babengatyekanga ezonweni zendlu kaYarobheham awawonisa ngazo amaSirayeli, asuka ahamba kuzo; noAshera wayesemi kwaSamari.)
7
Ngokuba akamshiyelanga bantu uYehowahazi, yaba ngamashumi amahlanu abamahashe, neshumi leenqwelo zokulwa, neshumi lamawaka omqikela; ngokuba wabatshabalalisa ukumkani wakwa-Aram, wabenza baba njengothuli lokunyathelwa.
8
Ezinye izinto zikaYehowahazi, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
9
Walala uYehowahazi kooyise, bamngcwabela kwaSamari.UYehohashe, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
10
Ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe kaYowashe ukumkani wakwaYuda, uYehohashe unyana kaYehowahazi waba ngukumkani wamaSirayeli kwaSamari, iminyaka elishumi elinamithandathu.
11
Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka kwizono zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli;wasuka wahamba kuzo.
12
Ezinye izinto zikaYehohashe, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
13
Walala uYehohashe kooyise; uYarobheham wahlala etroneni yakhe. UYehohashe wangcwatyelwa kwaSamari, kookumkani bakwaSirayeli.
14
Ke kaloku uElisha wayesifa sisifo awayeza kufa siso. Wehla uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, waya kuye, walila phambi kwakhe, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli nabamahashe bakhe!
15
UElisha wathi kuye, Thabatha isaphetha neentolo.Wasithabatha ke isaphetha neentolo.
16
Wathi kukumkani wakwaSirayeli, Sityede isaphetha ngesandla sakho. Wasityeda ngesandla sakhe; uElisha wabeka ezakhe izandla ezandleni zokumkani,
17
wathi, Vula ifestile ngasempumalanga; wayivula. Wathi uElisha, Tola; watola. Wathi, Huntshu, utolo losindiso lukaYehova! Utolo losindiso oluchase ama-Aram! Uya kutsho ngalo kuma-Aram eAfeki ade aphele.
18
Wathi, Zithabathe iintolo; wazithabatha. Wathi kukumkani wakwaSirayeli, Tola emhlabeni; watsho izihlandlo zazithathu, wayeka.
19
Wesuka umfo wakwaThixo, wanoburhalarhume ngakuye, wathi, Unge utsho izihlandlo zazihlanu, nokuba zithandathu; ukuze ube uya kutsho kuma-Aram ade aphele; useluya kutsho kuma-Aram izihlandlo zibe zithathu kuphela.
20
Wafa uElisha, bamngcwaba. Ke amatutu amaMowabhi ebedla ngokulingenela ilizwe, ukuthwasa komnyaka;
21
kwathi, bengcwaba indoda, babona ngamatutu evela;bayiphosa indoda leyo engcwabeni likaElisha. Ithe indoda leyo yakufika emathanjeni kaElisha, yasuka yaphila, yema ngeenyawo.
22
Ke kaloku uHazayeli, ukumkani wama-Aram, wayewaxinile amaSirayeli yonke imihla kaYehowahazi.
23
UYehova wawababala, wasikwa yimfesane ngawo, wawabheka ngenxa yomnqophiso wakhe noAbraham noIsake noYakobi; akavuma ukuwonakalisa nokuwalahla ebusweni bakhe unangoku.
24
Wafa uHazayeli ukumkani wama-Aram; uBhen-hadade, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
25
Wabuya uYehohashe unyana kaYehowahazi, wayithimba imizi kuBhen-hadade unyana kaHazayeli, awayeyithimbe yena kuYehowahazi uyise ngemfazwe. UYehohashe wamgxotha izihlandlo zazithathu wayibuyisa imizi yakwaSirayeli.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25