bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Kings 22
2 Kings 22
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 23 →
1
UYosiya ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mathathu anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYedida, intombi ka-Adaya waseBhotsekati.
2
Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela yonke kaDavide uyise; akatyekela ngasekunene nangasekhohlo.
3
Kwathi ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYosiya, ukumkani wathuma uShafan, unyana ka-Atsaliya, unyana kaMeshulam, umbhali, endlwini kaYehova, esithi,
4
Nyuka uye kuHilekiya umbingeleli omkhulu, ayilungise imali ezisiweyo endlwini kaYehova, abayilulanganisileyo abagcini-mnyango ebantwini.
5
Mabayinikele esandleni sabenzi bomsebenzi, abayikhangelayo indlu kaYehova, bayinikele kubenzi bomsebenzi osendlwini kaYehova, zitywinwe iintanda zendlu;
6
bayinikele kwiingcibi zemithi, nakubakhi, nakwabakha ngamatye; kuthengwe imithi namatye axholiweyo, kuhlaziywe indlu.
7
Kodwa bekungabalelwana nabo ngemali ebinikelwe esandleni sabo; ngokuba basebenza benyanisekile.
8
Wathi uHilekiya, umbingeleli omkhulu, kuShafan umbhali, Incwadi yomyalelo ndiyifumene endlwini kaYehova. UHilekiya wamnika uShafan incwadi leyo, wayilesa.
9
Weza ke uShafan umbhali kukumkani, wambuyisela ilizwi ukumkani, wathi, Bayikhuphele abakhonzi bakho imali eyafumanekayo endlwini, bayinikela esandleni sabenzi bomsebenzi abayikhangelayo indlu kaYehova.
10
Waxela ke uShafan umbhali kukumkani, esithi, UHilekiya umbingeleli undinike incwadi. Wayilesa uShafan phambi kokumkani.
11
Kwathi, akuweva ukumkani amazwi encwadi yomyalelo, wasuka wazikrazula iingubo zakhe.
12
Ukumkani wabawisela umthetho ooHilekiya umbingeleli, noAhikam unyana kaShafan, noAkebhore unyana kaMikaya, noShafan umbhali, noAsaya umkhonzi wokumkani, esithi,
13
Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yabantu, nangenxa yamaYuda onke, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo;ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova esibaselwe bona, ngenxa enokuba oobawo bengawaphulaphulanga amazwi ale ncwadi, ukuba benze njengako konke kubhaliweyo kuyo ngathi.
14
Waya ke uHilekiya umbingeleli, noAhikam, noAkebhore, noShafan, noAsaya, kuHulda umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTikva, unyana kaHar-hase, umgcini-ngubo (waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo), bathetha naye.
15
Wathi kubo, Utsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Nothi kuloo ndoda inithumileyo kum,
16
Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyizisela ububi le ndawo nabemi bayo, onke amazwi encwadi ayilesileyo ukumkani wakwaYuda.
17
Ngethuba lokuba bendishiyile mna, baqhumisela thixweni bambi, ukuba bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo, yothi le ndawo ibaselwe ubushushu bam, bungacinywa.
18
Ke kukumkani wakwaYuda onithume ukubuzisa kuYehova, notsho kuye ukuthi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi:Okwala mazwi uwavileyo,
19
ngokokuba ibithambile intliziyo yakho, wazithoba phambi koYehova, ekukuveni kwakho endikuthethileyo ngale ndawo, nangabemi bayo, ukuba beya kuba ziimpanza nesiqalekiso, wazikrazula iingubo zakho, walila phambi kwam, nam ndikuvile;utsho uYehova.
20
Ngako oko, uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amehlo akho bonke ububi endibuzisela le ndawo. Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25