bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Kings 12
2 Kings 12
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 13 →
1
Waba ngukumkani uYowashe ngomnyaka wesixhenxe kaYehu; waba neminyaka emashumi mane engukumkani eYerusalem. Ke igama lonina belinguTsibheya waseBher-shebha.
2
UYowashe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova yonke imihla yakhe, abemyala ngayo uYehoyada umbingeleli.
3
Kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.
4
Wathi uYowashe kubabingeleli, Yonke imali yezinto ezingcwalisiweyo, eziswayo endlwini kaYehova, imali yogqithela kwababaliweyo, nemali yomphefumlo walowo nalowo ngokulinganiselwa kwakhe, nemali yonke ekuthe qatha entliziyweni yomntu, ukuba ayizise endlwini kaYehova,
5
mabayithabathele kubo ababingeleli, elowo ayithabathe kwabazana naye, batywine iintanda zendlu, apho sukuba kufunyenwe uthanda khona.
6
Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesithathu wokumkani uYowashe, ababingeleli bengekazitywini iintanda zendlu,
7
ukumkani uYowashe wambiza uYehoyada umbingeleli nabanye ababingeleli, wathi kubo, Yini na ukuba ningazitywini iintanda zendlu? Ke ngoko maningabi sathabatha mali kwabazana nani;yinikeleleni ukutywina iintanda zendlu.
8
Bakuvuma ababingeleli ukungabi sathabatha mali ebantwini, nokuthi zingatywinwa ngabo iintanda zendlu.
9
UYehoyada umbingeleli wathabatha umkhombe, waphehla intunja esicikweni sawo, wawubeka ecaleni lesibingelelo, ngasekunene ekungeneni endlwini kaYehova, ukuze ababingeleli abagcina umbundu womnyango bayibeke khona yonke imali eziswayo endlwini kaYehova.
10
Kube kusithi, bakubona ukuba ininzi imali emkhombeni, enyuke umbhali wokumkani nombingeleli omkhulu, bayibophe ngengxowa, bayibale imali efunyenweyo endlwini kaYehova.
11
Bayinikela imali ilinganisiwe ezandleni zabawenzayo umsebenzi, zabayikhangelayo indlu kaYehova; bayikhuphela ke abo kwiingcibi zemithi nakubakhi abayisebenzayo indlu kaYehova,
12
nakubakhi beendonga, nakubaxholi bamatye, ukuba bathenge imithi namatye axholiweyo, ukuba kutywinwe iintanda zendlu kaYehova, beyikhuphela into yonke ekhutshelwe ukuhlaziya indlu kaYehova.
13
Ke indlu kaYehova ayenzelwanga zitya zasilivere, nazitshetshe, nazitya zokutshiza, namaxilongo, nanye impahla yegolide, nanye impahla yesilivere, ngemali leyo ibiziswe endlwini kaYehova;
14
basuka bayinika abenzi bomsebenzi, ukuba bahlaziye ngayo indlu kaYehova.
15
Babengabalelani namadoda, ababeyinikela ezandleni zawo imali leyo, ukuba ahlawule abenzi bomsebenzi; ngokuba abesebenza enyanisekile.
16
Ke imali yedini letyala, nemali yelesono, ibingaziswa endlwini kaYehova; yaba yeyababingeleli.
17
Ngelo xesha uHazayeli ukumkani wakwa-Aram wenyuka waya kulwa neGati, wayithimba. UHazayeli wabubhekisa ubuso bakhe ukuba enyuke aye eYerusalem.
18
Wazithabatha uYowashe ukumkani wakwaYuda zonke izinto ezingcwele, ababezingcwalisile ooYehoshafati noYehoram noAhaziya, ooyise, ookumkani bakwaYuda, nezakhe izinto ezingcwele, negolide yonke eyafumanekayo ebuncwaneni bendlu kaYehova nobendlu yokumkani, wazithumela kuHazayeli ukumkani wakwa-Aram; wenyuka ke, wemka eYerusalem.
19
Ezinye izinto zikaYowashe, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
20
Basuka abakhonzi bakhe baceba icebo, bambulala uYowashe endlwini yaseMilo, ekuyiweni eSila.
21
UYozakare unyana kaShimehati, noYozabhadi unyana kaShomere, abakhonzi bakhe, bamxabela ke, wafa. Bamngcwabela kooyise emzini kaDavide. UAmatsiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25