bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Numbers 10
Numbers 10
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 11 →
1
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2
Zenzele amaxilongo esilivere ekhandiweyo, abe mabini, abe ngawokubiza ibandla, nokundulula iminquba.
3
Kwakuvuthelwa ixilongo kuqutshwa, lozihlanganisela kuwe lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana.
4
Ukuba kuthe kwavuthelwa ixilongo, kwaqutshwa ngakanye, zozihlanganisela kuwe izikhulu, iintloko zamawaka akwaSirayeli.
5
Nakuvuthela nolule, yonduluka iminquba emise iintente ngasempumalanga.
6
Nakuvuthela nolule okwesibini, yonduluka iminquba emise ngasezantsi; bovuthela bolule ukuba induluke.
7
Ekusibizeleni ndawonye isikhungu, novuthela niquphe, ningavutheli nolule.
8
Bovuthela ngamaxilongo oonyana baka-Aron ababingeleli, ibe ngummiselo ongunaphakade kunikwi zizukulwana zenu.
9
Xa nithe naya kulwa ezweni lenu nombandezeli onibandezelayo, navuthela ngamaxilongo nolula, nokhunjulwa phambi koYehova uThixo wenu, nisindiswe ezintshabeni zenu.
10
Ngomhla wovuyo lwenu, nangamaxesha enu amisiweyo, nasekuthwaseni kweenyanga zenu, novuthela niquphe ngamaxilongo phezu kwamadini enu anyukayo, naphezu kwemibingelelo yenu yoxolo, ibe sisikhumbuzo senu phambi koThixo wenu: ndinguYehova uThixo wenu.
11
Kwathi ngomnyaka wesibini, ngenyanga yesibini, ngolwamashumi omabini enyangeni leyo, lenyuswa lemka ilifu phezu komnquba wesingqino.
12
Banduluka ke oonyana bakaSirayeli ngokweehambo zabo entlango yaseSinayi; lathi zinzi ilifu entlango yaseParan.
13
Banduluka ekuqaleni ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
14
Kuqala ke kwanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaYuda, ngokwemikhosi yabo; inguNashon, unyana ka-Aminadabhi,
15
phezu komkhosi wakhe; phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaIsakare inguNataniyeli, unyana kaTsuhare;
16
phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaZebhulon inguEliyabhi, unyana kaElon.
17
Wawiswa umnquba; banduluka ke oonyana bakaGershon noonyana bakaMerari, bewuthwele umnquba.
18
Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaRubhen ngokwemikhosi yabo; phezu komkhosi wakhe inguElitsure, unyana kaShedeyure;
19
phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaSimon inguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi;
20
phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaGadi inguEliyasafu, unyana kaDehuweli.
21
Anduluka amaKehati, ethwele ingcwele. Babesithi ke abaya bawumise umnquba engekafiki wona.
22
Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaEfrayim, ngokwemikhosi yabo; phezu komkhosi wakhe inguElishama, unyana ka-Amihude;
23
phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaManase inguGamaliyeli, unyana kaPedatsure;
24
phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaBhenjamin inguAbhidan, unyana kaGidiyoni.
25
Yanduluka ibhanile yeminquba yonyana bakaDan, umqoshelisi weminquba yonke ngokwemikhosi yayo; phezu komkhosi wakhe inguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi;
26
phezu komkhosi wesizwe soonyana baka-Ashere inguPagiyeli, unyana kaOkran;
27
phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaNafetali inguAhira, unyana kaEnana.
28
Kuko oko ukunduluka koonyana bakaSirayeli; banduluka ke ngokwemikhosi yabo.
29
Wathi uMoses kuHobhabhi, unyana kaRehuweli, umMidiyan, uyise womkaMoses, Thina siyanduluka; siya endaweni athe uYehova, Ndiya kuninika yona. Hamba nathi, sokwenzela okulungileyo; ngokuba uYehova uthethe okulungileyo ngoSirayeli.
30
Wathi yena kuye, Andiyi kuhamba; ndiya kuya ezweni lakowethu, kwelokuzalwa kwam.
31
Wathi, Musa ukusishiya kaloku, ngenxa enokuba nguwe owaziyo apho singalalisa khona entlango; yibangamehlo ethu.
32
Kothi, xa uthe wahamba nathi, kothi oko kulunga uYehova asenzela kona, sikwenzele kona nawe.
33
Banduluka ke entabeni kaYehova uhambo lwemihla emithathu, ityeya yomnqophiso kaYehova ihamba phambi kwabo uhambo lwemihla emithathu, ukubahlolela indawo abangalalisa kuyo.
34
Ilifu likaYehova laba phezu kwabo emini, ekundulukeni kwabo eminqubeni.
35
Kube kusakuthi ekundulukeni kwetyeya, athi uMoses, Vuka, Yehova; zichithachithe iintshaba zakho, basabe phambi kwakho abakuthiyayo:
36
kuthi ekulaliseni kwawo athi, Buyela, Yehova, kumawaka amawaka akwaSirayeli.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36