bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Numbers 25
Numbers 25
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 26 →
1
AmaSirayeli ahlala eShitim. Baqala abantu bahenyuza neentombi zakwaMowabhi.
2
Zababizela abantu emibingelelweni yoothixo bazo; badla abantu, banqula oothixo bazo.
3
AmaSirayeli azibandakanya ke noBhahali-pehore. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli.
4
Wathi uYehova kuMoses, Thabatha bonke abaziintloko zabantu, ubabethelele abanetyala emnqamlezweni kuYehova phambi kwelanga, kubuyiswe ukuvutha komsindo kaYehova kumaSirayeli.
5
Wathi uMoses kubagwebi bakwaSirayeli, Bulalani elowo abantu bakhe, abazibandakanyileyo noBhahali-pehore.
6
Kwabonakala ke indoda yakoonyana bakaSirayeli, ifika isondeza kubazalwana bayo umMidiyanekazi emehlweni kaMoses, nasemehlweni ebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ababelila emnyango wentente yokuhlangana.
7
Wabona uPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wesuka phakathi kwebandla, wathabatha umkhonto ngesandla sakhe.
8
Wayilandela indoda engumSirayeli, waya egumbini, wabahlaba amahlanza bobabini, indoda engumSirayeli, nenkazana leyo esiswini sayo. Sathintelwa ke isibetho koonyana bakaSirayeli.
9
Abafayo ngesibetho baba ngamawaka amashumi amabini anamane.
10
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
11
UPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, ububuyisile ubushushu bam koonyana bakaSirayeli, ekukhweleteni kwakhe njengekhwele lam phakathi kwabo, ukuze ndingabagqibi oonyana bakaSirayeli ngekhwele lam.
12
Yithi ngoko, Yabona, ndimnika umnqophiso wam woxolo,
13
ube ngumnqophiso wobubingeleli obungunaphakade, kuye nakwimbewu yakhe emva kwakhe, ngenxa enokuba ebenekhwele ngoThixo wakhe, wabacamagushela oonyana bakaSirayeli.
14
Igama lendoda engumSirayeli, leyo yahlatywayo, yahlatywa nomMidiyanekazi, ibinguZimri unyana kaSalu, inkulu yendlu yooyise kwaSimon.
15
Igama lenkazana leyo yahlatywayo ingumMidiyanekazi, belinguKozibhi, intombi kaTsure, obeyintloko yezizwe zendlu yooyise kwaMidiyan.
16
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
17
Wabandezeleni amaMidiyan niwaxabele;
18
ngokuba wona anibandezele ngamayelenqe awo abewenzile kuni, ngenxa yendawo kaPehore, nangenxa yendawo kaKozibhi, intombi yenkulu yakwaMidiyan, udade wabo, owahlatywa ngomhla wesibetho ngenxa yendawo kaPehore.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36