bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Numbers 23
Numbers 23
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 24 →
1
Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndakhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe.
2
Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham. Bathi ooBhalaki noBhileham benyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu.
3
Wathi uBhileham kuBhalaki, Yima wena ngasedinini lakho elinyukayo, ndihambe mna; mhlawumbi uYehova woza kundihlangabeza, nelizwi asukuba endibonisa lona ndokuxelela ke. Waya eluqhayini.
4
UThixo waqubisana noBhileham; wathi yena kuye, Ndilungise izibingelelo zasixhenxe, ndanyusa inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu kwisibingelelo ngesibingelelo.
5
UYehova wabeka ilizwi emlonyeni kaBhileham, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.
6
Wabuya waya ke kuye. Nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, yena nabathetheli bonke bakwaMowabhi.
7
Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, UBhalaki ukumkani wamaMowabhi undithabathe kwa-Aram, Ezintabeni zasempumalanga, esithi, Yiza undiqalekisele uYakobi; Yiza ubhavumele uSirayeli.
8
Ndothini na ukuqalekisa angamqalekisiyo uThixo? Ndothini na ukubhavumela angambhavumeliyo uYehova?
9
Ngokuba, ndisencotsheni yamawa, ndiyambona; Ndisezindulini, ndibonisela yena. Yabona, ngabantu abahlala bodwa, Ababalelwa phakathi kwazo iintlanga.
10
Ngubani na ongalubalayo uthuli lwakwaYakobi, Nesahlulo sesine sakwaSirayeli ngokwenani? Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye, Ukuphela kwam kube njengokwabo!
11
Wathi uBhalaki kuBhileham, Yintoni na le nto undenze yona?Ndikuthabathele ukuba uziqalekise iintshaba zam, nanku amana ukuzisikelela.
12
Waphendula yena, wathi, Oko akubekileyo uYehova emlonyeni wam, mandingakugcini na, ndikuthethe?
13
Wathi uBhalaki kuye, Khawuze siye ndaweni yimbi, apho uya kubabona; wobona isiphelo sabo sodwa, ungababoni bonke bephela;undiqalekiseleke bona apho.
14
Wamsa emhlabeni wababoniseli, encotsheni yePisga, wakha izibingelelo ezisixhenxe; wenyusa inkunzi entsha yenkomo, nenkunzi yemvu, kwisibingelelo ngesibingelelo.
15
Wathi kuBhalaki, Yenjenje ukuma ngasedinini lakho elinyukayo, ndenjenje mna ukuhlangabeza uYehova.
16
UYehova waqubisana noBhileham, wabeka ilizwi emlonyeni wakhe, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.
17
Wafika ke kuye; nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, nabathetheli bakwaMowabhi benaye; wathi uBhalaki kuye, Uthethe ntoni na uYehova?
18
Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Suka ume, Bhalaki uve;Ndibekele indlebe, nyana kaTsipore.
19
UThixo akamntu ukuba athethe amanga, Akanyana waluntu ukuba azohlwaye. Etshilo nje yena, akayi kwenza na? Ethethile nje, akayi kufeza na?
20
Yabona, ndamkele ukusikelela; Usikelele, ke andinakukubuyisa.
21
Akaboni butshinga kuYakobi, Akaboni bubi kuSirayeli.UYehova uThixo wakhe unaye, Ukuduma kokumkani kuphakathi kwakhe.
22
UThixo umkhupha eYiputa; Amendu akhe anjengawenqu.
23
Akukho zihlabo ngoYakobi, Akukho kuvumisa ngoSirayeli.Ngexesha elililo, kuthethwa kuYakobi nakuSirayeli Into ayenzayo uThixo.
24
Yabona, abantu besuka njengengonyamakazi; Baziphakamisa njengengonyam induna. Abalali phantsi, bade badle okuqwengiweyo, Basele igazi labahlatyiweyo.
25
Wathi uBhalaki kuBhileham, Uze ungabi sabaqalekisa, uze ungabi sabasikelela.
26
Waphendula uBhileham wathi kuBhalaki, Bendingathethanga na kuwe ndathi, Konke akuthethayo uYehova ndiya kwenza kona?
27
Wathi uBhalaki kuBhileham, Khawuze ndikuse ndaweni yimbi;mhlawumbi kolunga emehlweni kaThixo, ukuba undiqalekisele ke bona khona.
28
UBhalaki wamsa ke uBhileham encotsheni yePehore, ekhangele enkangala.
29
Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndakhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe.
30
Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham, wenyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36