bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Numbers 24
Numbers 24
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 25 →
1
Wabona uBhileham, ukuba kuhle emehlweni kaYehova ukumsikelela uSirayeli, akaya kuhlangabeza zihlabo ngokwezinye izihlandlo, wabubhekisa ubuso bakhe entlango.
2
Waphakamisa amehlo akhe uBhileham, wawabona amaSirayeli ehleli ngokwezizwe zawo, uMoya kaThixo wamfikela.
3
Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Utsho uBhileham unyana kaBhehore, Itsho indoda ecinywe amehlo;
4
Utsho ova ukuthetha kukaThixo, Owubonayo umbono woSomandla, Esiwa phantsi, etyhilwe amehlo.
5
Azizintle ngako iintente zakho, Yakobi! Neminquba yakho, Sirayeli!
6
Zitwabulukile njengezihlambo, Njengamasimi aphezu komlambo, Njengemihlaba etyelwe nguYehova, Njengemisedare ephezu kwamanzi.
7
Aya kumpompoza amanzi emiphandeni yakhe, Imbewu yakhe ingasemanzini amaninzi. Ukumkani wakhe makabe ngaphezulu koAgagi, Buziphakamise ubukumkani bakhe.
8
UThixo umkhupha eYiputa. Amendu akhe anjengawenqu. Uya kuzidla iintlanga, ababandezeli bakhe, Awakhukhuze amathambo abo, Abaphaluse ngeentolo zakhe.
9
Waguqa, wabuthuma njengengonyama, Njengengonyamakazi;ngubani na owomvusa? Mabasikelelwe abakusikelelayo, Baqalekiswe abakuqalekisayo.
10
Wavutha umsindo kaBhalaki kuBhileham, wazityhwakraza izandla zakhe, wathi uBhalaki kuBhileham, Ndikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam; nanku, umana ukuzisikelela ezi zihlandlo zozithathu.
11
Khwelela ngokunje, uye endaweni yakho. Bendithe ndokuzukisa kakhulu; yabona uYehova ukuvimbile uzuko.
12
Wathi uBhileham kuBhalaki, Bendingathethanga na nakubathunywa bakho owabathumela kum ndisithi,
13
Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andingekhe ndiwugqithe umlomo kaYehova, ndenze okulungileyo nokuba kokubi okuphuma entliziyweni yam;oko akuthethayo uYehova, ndiya kwenza kona.
14
Kaloku yabona, ndiyahamba, ndiya ebantwini bakowethu. Yiza ndikutyele into abaya kuyenza aba bantu kubantu bakho ngemihla yokugqibela.
15
Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Utsho uBhileham unyana kaBhehore, Itsho indoda ecinywe amehlo.
16
Utsho ova ukuthetha kukaThixo, Wakwazi ukwazi kOsenyangweni; Obona umbono woSomandla, Esiwaphantsi, etyhilwe amehlo:
17
Ndiyayibona, kungekhona ngoku, Ndiyikhangele, ingekufuphi.Inkwenkwezi iphuma kwaYakobi; Intonga ivela kwaSirayeli, Iwaphaluse amaMowabhi emacaleni omabini, Ibagombe bonke abengxolo;
18
UEdom abe lilifa, Abe lilifa uSehire, iintshaba zakhe;USirayeli yena avelise amandla.
19
Makehle ophuma kwaYakobi, Atshabalalise abaseleyo emizini.
20
Wawabona ama-Amaleki, wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Ingqalo yeentlanga nguAmaleki; Isiphelo sakhe sikukutshabalala.
21
Wawabona amaKeni, wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Liqinile ikhaya lakho; Indlu yakho imiswe eweni.
22
Kuba uKayin angatshayelwa yini na, Ade uAsiriya akuthimbe?
23
Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Yeha! Azi ngubani na oya kubudla ubomi, akukumisa oko uThixo?
24
Iinqanawa zivela elunxwemeni lwamaKiti. Ziyamcinezela uAsiriya, ziyamcinezela uEbhere, Naye woda atshabalale.
25
Wesuka ke uBhileham wahamba, wabuyela endaweni yakhe; naye uBhalaki wahamba ngendlela yakhe.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36