bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Proverbs 13
Proverbs 13
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 14 →
1
Unyana osisilumko uva uqeqesho lukayise; Ke yena umgxeki akeva kukhalinyelwa.
2
Ngesiqhamo somlomo wayo indoda idla okulungileyo. Ke wona umnqweno wamanginingini kukugonyamela.
3
Obambe umlomo wakhe ugcine umphefumlo wakhe; Owuthe qheke umlomo wakhe, yintshabalalo kuye leyo.
4
Umphefumlo wevila uyanqwena, ungazuzi; Umphefumlo wabakhutheleyo uyatyetyiswa.
5
Ilungisa liyithiyile into ebubuxoki; Yena ongendawo uyanukisa, enze okuziintloni.
6
Ubulungisa bulondoloza ihambo egqibeleleyo; Okungendawo kuyamphenula umoni.
7
Kukho ozenza isityebi, engenayo nento; Kukho ozenza isisweli, enobuncwane obuninzi.
8
Ucamagusho lomphefumlo wendoda bubutyebi bayo; Isisweli asiva kusongelwa.
9
Isikhanyiso samalungisa siyavuya; Ke sona isibane sabangendawo siyacima.
10
Ngokukhukhumala kuvuka ukulwa kuphela; Ubulumko bunabavuma ukucetyiswa.
11
Ubuncwane basebubhedengwini buya kuncipha; Ke yena obutha ngezipha, uyandisa.
12
Ukulindela okubanjezelweyo kubulala intliziyo; Ungumthi wobomi umnqweno ofezekileyo.
13
Odela ilizwi ubanjwa lilo; Owojika umthetho uyavuzwa.
14
Umyalelo wesilumko lithende lobomi, Ukuze kumkiwe ezirhintyelweni zokufa.
15
Ingqiqo entle ibanga ubukholwane; Indlela yamanginingini inzima.
16
Bonke abanobuqili benza ngokwazi; Isinyabi siya kwaneka ukumatha.
17
Umthunywa ongendawo weyela ebubini; Isigidimi esinyanisileyo siyaphilisa.
18
Unobuhlwempu nocukucezo ophulukene noqeqesho; Osigcinileyo isohlwayo uyazukiswa.
19
Umnqweno ofeziweyo unencasa emphefumlweni; Kulisikizi kwisinyabi ukumka ebubini.
20
Ohamba nezilumko uba sisilumko naye; Ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.
21
Aboni basukelwa bububi; Ke wona amalungisa ayavuzwa kokulungileyo.
22
Olungileyo ushiya ilifa kubazukulwana bakhe; Ubutyebi bomoni buqwetyelwe ilungisa.
23
Umkhubelo wamahlwempu unokudla okuninzi; Kukho ophetshethwa kukungabi nabulungisa.
24
Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe; Ke omthandayo umqeqesha esemncina ne.
25
Ilungisa lidla ukuba kuhluthe umphefumlo walo; Ke sona isisu sabangendawo siyalamba.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31