bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Proverbs 23
Proverbs 23
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 24 →
1
Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli, Qonda uqonde lowo uphambi kwakho;
2
Ubeke isitshetshe emqaleni wakho, Ukuba ungumntu onombilini.
3
Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa; Kukudla kwenkohliso.
4
Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi; Yeka okwakho ukuqonda.
5
Amehlo akho uya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje?Kuba bona buzenzela amaphiko, Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.
6
Musa ukudla ukudla koliso libi, Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;
7
Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa unjalo yena; Uthi kuwe, Yidla usele, Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;
8
Umthamo wakho owudlileyo uya kuwuhlanza, Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.
9
Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi; Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.
10
Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala; Ungangeni emasimini eenkedama;
11
Kuba umkhululi wazo womelele; Wobambana nawe yena ngobambano lwazo.
12
Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni, Neendlebe zakho entethweni yokwazi.
13
Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni; Ukuba uthe wambetha ngentonga akayi kufa.
14
Wombetha ngentonga, Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo.
15
Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho. Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo,
16
Zidlamke izintso zam Ekuthetheni komlomo wakho okuthe tye.
17
Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni; Ke mayizonde ukoyika uYehova imini yonke;
18
Inene, kukho ikamva, Nethemba lakho aliyi kunqunyulwa.
19
Yiva, wena nyana wam, ulumke, Uyinyathelise intliziyo yakho ithi gca endleleni.
20
Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini, Naphakathi kwamadla-kudla;
21
Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka; Kona ukozela kwambesa amajacu.
22
Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo, Ungamdeli unyoko akuba mkhulu.
23
Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo; Nobulumko, noqeqesho, nengqondo.
24
Ugcoba kakhulu uyise welungisa; Ozele isilumko uyavuya ngaso.
25
Makavuye uyihlo nonyoko, Agcobe umfazi owakuzalayo.
26
Ndinike intliziyo yakho, nyana wam, Amehlo akho akholiswe ziindlela zam.
27
Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi, Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga.
28
Ude alale njengesihange, Awandise amanginingini eluntwini.
29
Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano? Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu? Anabani na amehlo anozizi?
30
Anabo balibala ewayinini, Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo.
31
Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela, Xa ibengezelayo endebeni, Xa ihla kamnandi;
32
Ukuphela kwayo iluma njengenyoka, Iluma njengerhamba.
33
Amehlo akho aya kubona izinto zasemzini, Intliziyo yakho ithethe impenduka;
34
Ube njengolele esazulwini solwandle, Nanjengolele encotsheni yemasti;
35
Uthi, Bandibetha, andeva ntlungu; Bandintlitha, andaba nanto ndiyaziyo; Ndiya kuvuka nini na? Ndiya kuphinda ke, ndiya kubuya ndiyifune.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31