bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Proverbs 30
Proverbs 30
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 31 →
1
Amazwi ka-Agure unyana kaYakhe, waseMasa. Itsho indoda leyo, ithi, Ndizidinisile, ndizidinisile ndaphela,
2
Kuba ndisisityhakala, andimntu; Ingqondo yomntu ayikho kum.
3
Andifundanga bulumko, Ukuba ndazi ukwaziwa koyiNgcwele.
4
Ngubani na owenyuka waya emazulwini, waza wehla? Ngubani na ofumbethe umoya ngezandla zakhe? Ngubani na obophe amanzi engutyeni? Ngubani na omise zonke iziphelo zehlabathi?Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba uyalazi?
5
Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe. Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye.
6
Musa ukongeza emazwini akhe, Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga.
7
Ndicele kuwe izinto ezimbini; Musa ukundivimba zona ndingekafi:
8
Khwelelisa kum inkohlakalo nelizwi lamanga; Musa ukundinika ubuhlwempu nobutyebi; Ndihlafunise isonka endisimiselweyo;
9
Hleze ndihluthe, ndikhanyele, ndithi, Ngubani na uYehova?Hleze ndihlwempuzeke, ndibe, Ndilicukuceze igama likaThixo wam.
10
Musa ukusihleba isicaka enkosini yaso, Hleze sikutshabhise, uthwale ityala.
11
Kukho isizukulwana esiishabhisa uyise, Singamsikeleli unina;
12
Kukho isizukulwana esihlambulukileyo kwawaso amelulo, Esingahlanjwanga ekungcoleni kwaso;
13
Kukho isizukulwana, hayi, ukuqwayinga kwamehlo aso, Ukuziphakamisa kweenkophe zaso!
14
Kukho isizukulwana esimazinyo angamakrele, simabamba azizitshetshe Zokudla iintsizana ehlabathini, namahlwempu phakathi kwesintu.
15
Isimungunyi-gazi sineentombi ezimbini, ezithi, Ethe, ethe!Zintathu izinto ezingenakuhlutha; Zine ezingatshoyo ukuthi, Kwanele:
16
Lelabafileyo; kukungazali; Ngumhlaba ongahluthiyo ngamanzi; Ngumlilo ongatshoyo ukuthi, Kwanele.
17
Iliso eligculela uyise, Lidele ukumlulamela unina, Aya kulikrukra amahlungulu asemlanjeni, Alidle amathole exhalanga.
18
Izinto zintathu ezibalulekileyo kum; Hayi, zine endingenakuzazi:
19
Yindlela yexhalanga esibhakabhakeni, Yindlela yenyoka etyeni, Yindlela yenqanawa esazulwini solwandle, Yindlela yomfo nentombi.
20
Injalo indlela yomfazi okrexezayo: Uyadla, asule umlomo, Athi, Andenzanga bubi.
21
Ngaphantsi kwezinto ezintathu umhlaba uyanyikima, Ngaphantsi kwezine ukhohliwe kukuthwala:
22
Ngaphantsi kwesicaka, xa sithe sangukumkani; Nesidenge, xa sithe sahlutha sisonka;
23
Ngaphantsi kwesigele sentombi, xa sithe senda;Nesicakakazi xa sithe sadla ilifa lenkosikazi yaso.
24
Izinto zine ezincinane emhlabeni, Kanti zilumke kakhulu:
25
Iimbovane ngabantu abangenamandla Kanti zilungisa ukudla kwazo ehlotyeni;
26
Iimbila ngabantu abangomeleleyo, Kanti zimisa izindlu zazo emaweni;
27
Iinkumbi azinakumkani, Kanti ziphuma zingamaqela ngamaqela zonke;
28
Icilitshe unako ukulibamba ngezandla, Kanti lisemabhotweni ookumkani.
29
Izinto zintathu ezihamba ngokunyalasa, Hayi, zine ezilungisayo ukuhamba:
30
Yingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho zine, Elingabuyi umva phambi kweento zonke;
31
Yinja elingesi nokuba yinkunzi yebhokhwe; Ngukumkani enomkhosi wakhe.
32
Ukuba uthe wenza ngobudenge ngokuziphakamisa, Nokuba uthe wankqangiyela, Beka isandla emlonyeni.
33
Kuba ukucofa ubisi kuvelisa amasi, Ukucofa impumlo kuvelisa igazi, Ukucofa umsindo kuvelisa imbambano.
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 31 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31