bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Proverbs 29
Proverbs 29
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 30 →
1
Indoda eyohlwaywa futhi, iyenze lukhuni intamo yayo, Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.
2
Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu; Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.
3
Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise; Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.
4
Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko; Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.
5
Umfo ocengacenga ummelwane wakhe Uthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.
6
Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo; Ke lona ilungisa limemelela livuye.
7
Ilungisa liyalazi ibango lesisweli; Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi.
8
Amadoda agxekayo aphembelela isixeko; Ke zona izilumko ziyawudambisa umsindo.
9
Yakumangalelana indoda elumkileyo nesimathane, Soguguma sihleke, kungabikho kuthozama.
10
Amadoda amagazi ayabathiya abagqibeleleyo; Nabathe tye, afuna umphefumlo wabo,
11
Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso, Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.
12
Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki, Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.
13
Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana; Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.
14
Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso, Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.
15
Intonga nesohlwayo sinika ubulumko; Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.
16
Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo; Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.
17
Mqeqeshe unyana wakho, wokuphefumlisa, Awuyolise umphefumlo wakho.
18
Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu; Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!
19
Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi; Kuba siyaqonda, singakhathali.
20
Uyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo? Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
21
Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakhe Uya kwenelwa lukhula ekupheleni.
22
Indoda enomsindo ixhaya ingxabano; Umntu onobushushu uzele lukreqo.
23
Ikratshi lomntu liya kumthoba; Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.
24
Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe; Uyasiva isishwabulo, angaxeli.
25
Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.
26
Baninzi abafuna ubuso bomlawuli; Ke lona ibango lendoda livela kuYehova.
27
Indoda enobugqwetha lisikizi kumalungisa; Ondlela ithe tye lisikizi kongendawo.
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 30 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31