bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Thessalonians 1
1 Thessalonians 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 2 →
1
UPAULUSI, no‐Silivane, no‐Timote, kwiṙemente yama‐Tesalonika e kutixo uyise nenkosi u‐Yesu Kristu: Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
2
Siyabulela kutixo ngamaxesha onke ngenxa yenu nonke, sinikankanya emitandazweni yetu;
3
singayeki ukukumbula umsebenzi wenu wokolo, nomzamo wotando, nomonde wetemba enkosini yetu u‐Yesu Kristu, ebusweni bake utixo nobawo wetu:
4
sisazi nje, bazalwana abatandiweyo ngutixo! ukunyulwa kwenu;
5
kuba ivangeli yetu ibingezanga kuni emazwini odwa, koko yezayo nasemandleni, na kumoya oyingcwele, nasekuqiniseni okuninzi; kwa njengokuba nisazi ukuba saba ngabanjanina pakati kwenu ngenxa yenu.
6
Nani naba ngabalandeli betu, na benkosi, nilamkele nje ilizwi ebunzimeni obuninzi, kunye novuyo lwomoya oyingcwele;
7
nada naba yimizekelo kubo bonke abakolwayo e‐Masedoniya nase‐Akaiya.
8
Ngokuba kwa kuni livakalisiwe ilizwi lenkosi kungekuyo i‐Masedoniya ne‐Akaiya yodwa, koko nakuzo zonke indawo inkolo yenu engakuye utixo ipumile; side singafaneli tina ukuteta into.
9
Ngokuba bona ngokwabo beshumayela ngati ukuba bekunjanina ukungena esibe sinako kuni, nokuba nati nina ukuguqukela kutixo niguquka ezitixweni, ukumkonza utixo opilileyo oyinyaniso,
10
nokumlinda unyana wake evela ezulwini, ate wamvusa ekufeni, kwa u‐Yesu, osihlangulayo emsindweni ozayo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5