bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Thessalonians 4
1 Thessalonians 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
1
OKO kuseleyo ke, bazalwana! siyanitandaza si ni yale enkosini u‐Yesu, ukuba niti, njengokuba nikwamkele kuti okokuba nifanele ukuti nina ukuhamba nokukolisa utixo, kwa njalo nikolise ukwanda kuko ngakumbi.
2
Ngokuba nisazi iziyalelo zinina esaninika zona ngayo inkosi u‐Yesu.
3
Ngokuba oku kuyintando katixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nizile umbulo:
4
ukuba ati omnye nomnye wenu akwazi ukubamba eyake impahla ebungcweleni nasekubekweni;
5
kungabi ekuveni okubi kwenkanuko, kwa njengokuba besenje njalo nabaheyideni abangamaziyo utixo;
6
ukuba kungabiko oti agqite alumkise umzalwana wake kulendawo: ngokokuba inkosi ingumpindezeli ngazo zonke ezizinto, njengokuba kanjalo besinixelele pambili sa ni nqi̔nisela.
7
Ngokuba utixo engasibizelanga ubunco̔la, koko esibizile ukuba sibe sebungcweleni.
8
Ngako ke lowo walayo, akali umntu, koko esala utixo, ote kanjako wasinika umoya wake oyingcwele.
9
Kekaloku ukutanda abazalwana aninakuswela ukuba ndiba̔le kuni ngako; ngokuba nina ngokwenu ndifundiswa ngutixo ukuba nitandane:
10
ewe okunene niyakwenza kwa kona ngakubo bonke abazalwana abakuyo yonke i‐Masedoniya. Kodwa siyanikunga, bazalwana! ukuba nikolise ukwanda ngakumbi;
11
nokuba nizamele ukuba sekuzoleni, nokuyenza eyenu imicimbi, nokusebenza ngezenu izandla, njengoko saniyalelayo:
12
ukuze nihambe ngokufanelekileyo ngakubo abapandle, niti kanjalo ningabi nakuswela luto.
13
KODWA anditandi ukuba nibe ningenakwazi, bazalwana! ngabo balele kukufa, ukuze ningabi lusizi, njengokuba benjalo nabanye abangenalo itemba.
14
Ngokuba sakukolwa ukuba u‐Yesu wafa wabuya wavuka, kwa njalo abo balala kukufa ngaye u‐Yesu utixo wobazisa kunye naye.
15
Ngokuba oko sikutsho kuni elizwini lenkosi, ukuba tina bahleliyo abo basalela ekufikeni kwenkosi asisayi kupangela abo balala kukufa:
16
kuba yona inkosi ngokwayo iya kuhla ezulwini ngendanduluko, ngelizwi lengelosi enkulu, nangexilongo likatixo, bati abafileyo ku‐Kristu bavuke tanci;
17
sandule ukuti tina bahleliyo abo baseleyo sisuselwe kwa kunye nabo emafini ukuya kukaulela inkosi esibakabakeni; nangokunjalo siya kubako nenkosi ngamaxesha onke.
18
Ize niti ngoko nonwabisane ngalamazwi.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5