bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Thessalonians 3
1 Thessalonians 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
1
Ngako oko sakuba singasenako ukunyamezela, saba kulungile ukuba sishiywe e‐Atenesi sedwa;
2
saza satuma u‐Timote, umzalwana wetu, nomkonzi katixo, nomsebenzisi wetu evangelini ka‐Kristu, ukuya kuniqinisa, nokuniyala ngalo ukolo lwenu,
3
ukuba kungabiko mntu oshukunyiswayo pakati kwezimbandezelo; ngokuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe kwa kona.
4
Ngokuba okunene, okuya sibe sinani, sibe sisitsho pambili kuni ukuti siza kubandezelwa; njengokuba kanjalo kwaza kubako, na njengokuba nisazi.
5
Ngenxa yoku, ndakuba nam ndingasenako ukunyamezela, ndatuma ukuba ndiqonde ukolo lwenu, hleze kungati umlingi abe enilingile, uze ufumane usenzwa umzamo wetu.
6
Kodwa ngoku akufika u‐Timote kuti evela kuni, waza wasishumayeza indaba ezilungileyo zokolo lwenu notando lwenu, nokokuba ninokusikumbula okulungileyo ngamaxesha onke, nilangazelela ukusibona tina, kwa njengokuba nati sisenje njalo ukunibona nina,
7
sati ngenxa yoku, bazalwana! sonwatyiswa pezu kwenu, kuko konke ukubandezelwa kwetu nobunzima betu, ngalo ukolo lwenu:
8
kuba kaloku sibudla ubomi, nxa niqinisa ukuma nina enkosini.
9
Ngokuba singanibuyisela kutixo umbulelo omnina, pezu kwalo lonke uvuyo esivuya ngalo ngenxa yenu ebusweni botixo wetu,
10
ebusuku nasemini sitandaza kakulu ngakumbi nje ukuba sibubone ubuso benu, nokuba sikwenzelele okuswelekileyo elukolweni lwenu?
11
Kekaloku yena ngokwake utixo nobawo wetu, nayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu, wanga angondisa indlela yetu kuni.
12
Nani ke yanga ingati yona inkosi inenze nanele nikolise ukwanda elutandweni lwenu omnye ngakwomnye nangakubo bonke abantu, kwa njengokuba nati sisenje njalo ngakuni;
13
ukuze iqinise intliziyo zenu zibe zingenatyala ebungcweleni, ebusweni bake utixo nobawo wetu, ekufikeni kwenkosi yetu u‐Yesu Kristu ndawonye nabo bonke abangcwele bayo.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5