bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Thessalonians 5
1 Thessalonians 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
1
Kodwa amaxesha namatuba, bazalwana! aninakuswela ukuba kuba̔lwe kuni ngawo.
2
Ngokuba nikolisa ukwazi ngokwenu ukuba wona umhla wenkosi uyenje njalo ukuza njengesela ebusuku.
3
Ngokuba xeshekweni baya kuti: Kuko uxolo nokunqaba; iti oko ibafikele imbujiswa ngokwalama, njengokuba inimba ifik ela umfazi omitiyo; baye bengayi kusinda nakanye.
4
Kodwa nina, bazalwana! anisebumnyameni, ukuze umhla lowo unibaqe njengesela.
5
Nina nonke nilusapo lwokukanya, nilusapo lwemini: tina asingabobusuku, asingabobumnyama kanjako.
6
Ngako ke masingalali butongo, njengokuba besenje njalo nabanye; masiti silinde siqabuke.
7
Ngokuba abo balalayo belala ebusuku; nabo banxilayo benxila ebusuku.
8
Kodwa tina singabemini nje, masiqabuke, sisambete isigcinisifuba sokolo notando, netemba losindiswa libe ngumnqwazi:
9
kuba utixo engasimiselanga umsindo, koko wasimis ela ukuzuza usindiswa ngayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu,
10
owasifelayo, ukuze ke, nokuba kuti sivuke, nokuba kuti silale, sidle ubomi kwa kunye naye.
11
Ngako oko yonwabisanani, nimisane, kwa njengokuba nisenje njalo.
12
KEKALOKU siyanitandaza, bazalwana! ukuba nibazi abo basebenzayo pakati kwenu, abanipatayo enkosini, abanilulekayo;
13
nokuba nibabuke kakulu ngakumbi elutandweni ngenxa yomsebenzi wabo. Yibani nokuxolana pakati kwenu.
14
Kanjako siyaniyala, bazalwana! lulekani ababugaxagaxa, tutuzelani abantliziyo zinokudana, xasani abo babutataka, yibani nokuzeka kade kubo bonke.
15
Lumkani ukuba kungabiko mntu opindezelayo kwomnye ngobubi ngenxa yobubi; niti ngamaxesha onkemiputume oko kulungileyo, kwa omnye ngakwomnye, nangakubo bonke abantu.
16
Vuyani ngamaxesha onke.
17
Tandazani ningayeki.
18
Bulelani ezintweni zonke: ngokuba oku kuyintando katixo ku‐Kristu Yesu ngakuni.
19
Ningacimi umoya.
20
Ningadeli iziprofitesho.
21
Lingani izinto zonke; bambani leyo ilungileye.
22
Zilani zonke intlobo zenkohlakalo.
23
Kekaloku yena utixo woxolo ngokwake wanga anganingcwalisa isiqu sipela: ewe umoya nompefumlo nomzimba wenu wonke upela maugcinwe ube ungenatyala ekufikeni kwenkosi yetu u‐Yesu Kristu.
24
Unyanisekile lowo unibizayo, oya kuti kanjalo akwenze.
25
Bazalwana! sitandazeleni.
26
Bulisani bonke abazalwana ngokwanga okungcwele.
27
Ndiyanifungisa inkosi ukuba lencwadi ileseshwe kubo bonke abazalwana abangcwele.
28
Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nani. Amene.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
All chapters:
1
2
3
4
5