bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Timothy 1
1 Timothy 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 2 →
1
UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu, ngokwomyolelo katixo umsidisi wetu nenkosi u‐Yesu Kristu itemba letu,
2
kuye u‐Timote, owam umntwana wenyaniso elukolweni: Ufefe, ububele, n oxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, no‐Kristu Yesu inkosi yetu.
3
Njengokuba ndabendikukunga ukuba uman’ ukuhlala e‐Efese, nxa bendihambela e‐Masedoniya, ukuze uyalele abatile ukuba mabangafundisi ufundiso olulumbi,
4
nokuba mabanganyamekeli intsomi neziba̔lelwa zokuzalwa ezingenangqibo, eziti ezonto zizuzise imibuzo ngapezu kwokuba zizuzise ukumisa kukatixo okuselukolweni, ndiyenje njalo nakaloku.
5
Kodwa isipelo sesiyalelo silutando luvela kwintliziyo ecocekileyo, nakwisazeliso esilungileyo, nakwinkolo engazenzisiyo;
6
abate inxenye beposene nazo batyekela ekutetateteni okungendawo,
7
befuna ukuba ngabafundisi bomteto, bengaqondi noko kwa nezonto bazitshoyo, nezonto baqinisa ukutshoza ngazo.
8
Siyazi kodwa ukuba umteto ulungile, xeshekweni umntu awupatayo ngokwomteto;
9
sikwazi nje oku, okokuba umteto awudalelwa umntu olungileyo, koko udal elwa abalahlimteto nabangenakululamela, abangabedeshiyo naboni, abangenabungcwele nabaginwa, ababeti boyise nababeti bonina, ababulali babantu,
10
abapimisi, abalala namadoda, abeba̔yo abantu, amaxoki, abaxokisa ukufunga, nokuba kuko into yimbi epambana nofundiso oluyinene;
11
njengokwevangeli yobungcwalisa botixo osikelelweyo, endapatiswayo yona mna.
12
Kanjalo ndiyabulela kulowo wandomelezayo, u‐Kristu Yesu inkosi yetu, ukuba wandibala ukuba ndinyanisekile, endimisele ubukonzi obu nje;
13
endibe ndifudula ndingumgxeki, nomtshutshisi, nombandezeli: kuloko ndamkelayo ububele, kuba ndakwenza ngokungazi ndisekungakolweni;
14
ewe ufefe lwenkosi yetu lwaba luninzi ngento egqitisileyo ndawonye nokolo notando olukuye u‐Kristu Yesu.
15
Linyanisekile elilizwi, lifanele konke ukwamkelwa kanjako, lokuba u‐Kristu Yesu weza elizweni ukuza kusindisa aboni; endingomkulu kubo bonke mna.
16
Kuloko ngenxa yoku ndabamkela ububele, ukuze kwa kum ndingomkulu nje u‐Yesu Kristu abonakalise konke ukuzeka kade kwake, ukubenzela umlinganiso abo baya kukolwa kuye kube bubomi obungunapakade.
17
Kekaloku kukumkani wobunapakade, kongonakaliyo, kongabonekiyo, kokupela kwolumkileyo utixo, makubeko udumo nobungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
18
Esi isiyalelo ndiyasibekela kuwe, nyana Timote! njengokweziprofitesho ezandulisayo ngawe, ukuba uyenze ngazo leyo mfazwe ilungileyo;
19
unenkolo nje, nesazeliso esilungileyo; abate inxenye besilahlile nje badaka ngalo ukolo:
20
abangabakubo u‐Himeneyo no‐Aletsandere, endabanikelayo ku‐Satane, ukuze bafundiswe ngokwohlwaywa ukuba bangagxeki.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6