bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Timothy 2
1 Timothy 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 3 →
1
NDITI ke okwokuqala ndiyale ukuba kwenziwe izikungo, imitandazo, izitaṙuziso, n emibulelo, ngenxa yabantu bonke;
2
ngenxa yabo okumkani nabo bonke abasebukosini; ukuze sihlale ngokuhlala okuxolileyo nokuzolileyo kubo bonke ububedesho nokuzibeka.
3
Ngokuba oku kulungile, kukolekile ebusweni bomsindisi wetu utixo kanjako;
4
otandayo ukuba bonke abantu basindiswe, nokuba beze ekwaziweni kwenyaniso.
5
Ngokuba kuko utixo emnye; kuko kanjalo umlamli emnye pakati kwotixo nabantu, umntu u‐Kristu Yesu,
6
owazinikayo ukuba yintlaulelo ngenxa yabantu bonke, — okusisinqi̔no sokunqi̔nelwa kwawaso amaxesha;
7
endite mna ndamiselwa sona ukuba ngumshumayeli nompostile, (ndiyateta inyaniso ku‐Kristu, andixoki,) umfundisi wabaheyideni elukolweni nasenyanisweni.
8
Ndinga ke angati wona amadoda atandaze kuzo zonke indawo, epakamisa izandla ezingcwele, engenakuqumba nokupikisana:
9
ngokunjalo ndinga bangati nabo abafazi bazihombe ngokuvata okufanelekileyo, benentloni nobutelekelelo; kungabi ngempote, umhlaumbi ngegolide, umhlaumbi ngeperule, umhlaumbi ngezivato ezixabiso likulu,
10
kuti, — okufaneleyo abafazi bexela ukuba bayabedesha utixo, kube ngayo imisebenzi elungileyo.
11
Makati umlazi ngokuti tu afunde ngolulamelo lwonke.
12
Kodwa andivumeli umfazi ukuba afundise, nokuba abe namandla pezu kwendoda, nditi makabe nokuti tu.
13
Ngokuba u‐Adame ebedalwe kuqala, wandul’ ukudalwa u‐Eva kamva.
14
Kanjako u‐Adame ebengakohliswanga, kodwa umfazi ekohlisiwe nje wangena esigqitweni.
15
Noko uya kusindiswa ngokuzalwa kwomntwana, xeshekweni bahlalayo elukolweni, naselutandweni, nasebungcweleni, ndawonye nobutelekelelo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6