bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Timothy 3
1 Timothy 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 4 →
1
LINYANISEKILE elilizwi: Ukuba umntu uyanqwenela ubusebenzi bomlindi, uyakanuka umsebenzi olungileyo.
2
Kekaloku ongumlindi ufanele ukuba abe ngongenakukalazelwa, abe yindoda yomfazi mnye, abe yinca̔tu, abe nobutelekelelo, abe nokumila okufanelekileyo, abe ngumbuki wabasemzini, abe elungele ukufundisa;
3
angabi ngohlala kade pezu kweveyine, angabi ngumbeti, angabi ngonxamela inzuzo embi, abe enokutamba, engangxoli, engatandi imali,
4
epata kakuhle eyake indlu, enabantwana bake besekululameleni ndawonye nokuzibeka konke;
5
(kodwa ukuba umntu akazi ukuyipata eyake indlu, woti nina ukuyigcina iṙemente katixo?)
6
angabi ngosandula ukugqoboka, hleze ati ekukumele lir̔atshi eyele ekugwetyweni kuka‐Satane.
7
Ufanele ukuti nakanjako abe nobunqi̔na obuhle buvela kubo abapandle, ukuze angeyeli ekutukweni nasemgibeni ka‐Satane.
8
Ngokunjalo mabati abakonzi babe nokuzibeka, bangabi namilomo mibini, bangazilahleli kwiveyine eninzi, banganxameli inzuzo embi;
9
bebamba imfihlakalo yokolo ngesazeliso esicocekileyo.
10
Nabo aba ke mabalingwe kuqala; bandule oko benze umsebenzi wabakonzi, ukuba abanikwa tyala lanto.
11
Ngokunjalo mabati abafazi babe nokuzibeka, bengengabancetezi, benobunca̔tu, benyanisekile ezintweni zonke.
12
Abakonzi mababe ngamadoda omfazi mnye, bepata kakuhle ababo abantwana nezabo izindlu.
13
Ngokuba abo balungisileyo ukwenza umsebenzi wabakonzi bezizuzela isimo esilungileyo, nenkalipo enkulu elukolweni olukuye u‐Kristu Yesu.
14
Ezizinto ndiyaziba̔la kuwe, nditemba nje ukuza kuwe kamsinyane;
15
kodwa ukuba ndiyalibala kade, ukuze wazi ukuba ufanele ukuti nina ukuzipata endlwini katixo, eti yona iyiṙemente katixo ohleliyo, intsika nesiza senyaniso.
16
Nangapandle kwokupikwa inkulu imfihlakalo yobubedesho: utixo wabonakaliswa enyameni, wagwetyelwa emoyeni, wabonwa zingelosi, washunyayelwa pakati kwabaheyideni, kwakolwa kuye elizweni, wenyuselwa pezulu ebungcwaliseni.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6