bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Timothy 4
1 Timothy 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 5 →
1
KODWA umoya utsho kwa sekuhleni ukuti, kuya kupambuka inxenye emaxesheni asemva elukolweni, benyamekela omoya abalahlekisayo, nemfundiso zedemoni,
2
ngobuhanahaniso babatet’ ubuxoki, abanesabo isazeliso sitshiselwe,
3
besalela ukuba kutshatwe, bexela ukuba kuzilwe izinto zokudla, ate utixo wazidalela abo bakolwayo nabayaziyo inyaniso ukuba batabate kuzo ngombulelo.
4
Kuba zonke izidalwa zikatixo zilungile, kungeko nto kanjalo efanel’ ukulahlwa, ukuba iyamkelwa ngombulelo;
5
ngokuba isenzwa ngcwele ngalo ilizwi likatixo notaṙuziso.
6
Ukuba ezizinto uyazibeka pambi kwabo abazalwana, uya kuba ngumkonzi olungileyo ka‐Yesu Kristu, usondlelwa emazwini okolo, nawolofundiso olungileyo ululandeleyo.
7
Kodwa intsomi ezingengcwele ezibuxegokaziṙa zale; uz’ uti ke wena uziqelisele ububedesho.
8
Ngokuba ukuqeliswa kwomzimba kunceda ngokuncinane; kodwa ububedesho bunceda ngenxa zonke, ekubeni bunaso isitembiso sobubomi bakaloku nje, nesobo buza kubako.
9
Linyanisekile elilizwi, lifanele konke ukwamkelwa kanjako.
10
Ngokuba kona oku sikusebenzela sikutukelwa nokukutukelwa, kuba sitembile kutixo ohleliyo, ongumsindisi wabo bonke abantu, engulowo kakulu ke wamakolwa.
11
Yalelani ngezizinto uzifundise.
12
Makungabiko mntu obudela ubutsha bako, uti ube ngumzekelo kuwo amakolwa, ekuteteni, ekumileni, elutandweni, emoyeni, enkolweni, ebucocweni.
13
Yiti, ndide ndifike, uzibekisele ukulesesha, ukuyala, ukufundisa.
14
Uze ungabi ungakataleli isipiwo esikuwe, owabunikwa sona ngabo ubuprofitesho ndawonye nokubekwa kwezandla zentlanganiso zabadala.
15
Cingela ezizinto; hlala ukuzo; ukuze ukuhanjiswa kwako kube kubonakala kubo bonke.
16
Zigqale wena nokufundisa kwako; uman’ ukuma kuzo: ngokuba oku ukwenza nje, uya kuti nawe uzisindise nabo abakuvayo.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6