bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Timothy 5
1 Timothy 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 6 →
1
INDODA endala ungayitetisi ngobukali, uti uyiyale njengoyihlo; amatsha njengabaninawe;
2
amankazana amadala njengonyoko; amatsha njengodade, ebucocweni bonke.
3
Beka abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene.
4
Ukuba kodwa kuko umhlolokazi onabo abantwana umhlaumbi abazukulwana, mabafunde kuqala ukwenza ngobubedesho kokwabo, babuyisele abazali babo: ngokuba oku kulungile, kukolekile ebusweni bukatixo kanjako.
5
Kodwa uti lowo ungumhlolokazi ngenene, oshiyiwe yedwa, atembe kutixo, aman’ ukuhlala ekukungeni nasekutandazeni ebusuku nasemini:
6
kanti lowo upila ngobuyolo, ufile nxa ahleliyo.
7
Nezizinto yalela ngazo, ukuze babe bengenakukalazelwa.
8
Ukuba kodwa kuko umntu ongabazaleleli abake, nakakulu ke abendlu yake, ulukanyele ukolo, umbi kongakolwayo kanjalo.
9
Makungabalelwa abe ngumhlolokazi opantsi kweminyaka emashumi matandatu ubudala bake, umfazi wendoda nye,
10
enqi̔nelwa kakuhle ngemisebenzi elungileyo: ukuba wabondla abantwana, ukuba wabamkela endlwini abasemzini, ukuba wazihlamba inyawo zabangcwele, ukuba wabasiza ababandezelweyo, ukuba wati nama ukulandela yonke imisebenzi elungileyo.
11
Kodwa abahlolokazi abatsha bale; ngokuba okuya bavukele u‐Kristu ngobutshinitshini befuna ukwenda,
12
benokugwetywa, kuba ukolo lwabo lwokuqala belulahlile.
13
Bati kanjalo kunye noko bafunde ukuba ngamavila, behambahamba kwizindlu ngezindlu; bengengamavila ke kodwa, koko kanjako bengamaṙoboṙobo nabazifakayo ezintweni zabanye, beteta izinto ezingafanelekileyo.
14
Ndinga bangati ngoko abahlolokazi abatsha bende, bazale abantwana, bapate indlu, bangavuleli umalane ituba lokutuka.
15
Ngokuba bese betyekile inxenye ukuya emva kwo‐Satane.
16
Ukuba kuko ikolwa umhlaumbi ikolwakazi elinabo abahlolokazi, malibasize, ize ingatwaliswa iṙemente, ukuze ibasize abo bangabahlolokazi ngenene.
17
Mabati abadala abapatayo kakuhle babalwe ukuba bafanele imbeko epindiweyo, kube ngabo kakulu ke abasebe, nzayo elizwini naselufundisweni.
18
Ngokuba sisitsho isiba̔lo ukuti: Inkabi yakubu̔la akukuyifaka umkala; nokuti: Umsebenzi ufanele umvuzo wake.
19
Ungakwamkeli ngakuye ongumdala ukunikwa kwetyala, ngapandle kwokuba kungomlomo wamanqi̔na amabini umhlaumbi amatatu.
20
Abo bonayo bohlwaye ebusweni babo bonke, ukuze abanye nabo babe nokwoyika.
21
Ndiya ku yala kunene pambi kwake utixo, nenkosi u‐Yesu Kristu, nengelosi ezinyuliweyo, ukuba uzibambe ezizinto ungenakugweba pambili, ungenzi luto ngokuketa abantu.
22
Unganxami ukubeka izandla emntwini; kanjako ungabi nabudlelana nezono zabanye abantu. Zigcine ucokisekile.
23
Ungabi sengumseli wamanzi, uti upuze intwana yeveyine ngenxa yesisu sako nezilwelwe zako ezifuti.
24
Izono zabanye abantu ziyabonakala kwa sekuhleni, zi b andulela ukuya ekugwebeni; nabanye kambe ziyabalandela ngasemva.
25
Ngokunjalo nayo imisebenzi elungileyo yabanye iyabonakala ekuhleni; naleyo ingenjalo ayingefihleke.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6