bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Amos 1
Amos 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 2 →
1
AMAZWI ka‐Hamose, obepakati kwabalusi base‐Tekoha, lawo wawabonayo ngo‐Sirayeli, emihleni ka‐Huziya, ukumkani wo‐Juda, nasemihleni ka‐Jerobome, unyana ka‐Yohashe, ukumkani wo‐Sirayeli, iminyaka mibini singekabiko isingcangcazelo somhlaba.
2
Wayesiti: Uyehova uya kugquma e‐Ziyone, aku̔pe ilizwi lake e‐Yerusaleme; amaṙiwa abalusi aya kulila, nengcopo ye‐Karamele yobuna.
3
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu ze‐Damakusi, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwayo; ngokuba bebulile i‐Gileyadi ngentsimbi zento yokubula.
4
Ngako ndiya kutuma umlilo endlwini ka‐Hazayeli, oya kuzidla izindlukazi zika‐Bene‐hadadi.
5
Ndandiya kwapula umvalo we‐Damakusi, ndinqamle umhlali emhlanjeni we‐Avene, nompati wentonga e‐Bete‐hedeni; baye abantu base‐Siriya beya kutinjelwa e‐Kire, utsho uyehova.
6
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu ze‐Gaza, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwayo; ngokuba befudusile inani lonke labatinjiweyo, baze ba ba nikele ku‐Edome.
7
Ngako ndiya kutuma umlilo eludongeni lwe‐Gaza, oya kuzidla izindlukazi zayo.
8
Ndandiya kunqamla umhlali e‐Ashedode, nompati wentonga e‐Ashekelone; nesandla sam ndosibuyisela pezu kwe‐Hekrone, bati abasisalela sama‐Filistiya babube, itsho inkosi e nguyehova.
9
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu ze‐Tire, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwayo; ngokuba benikele inani lonke labatinjiweyo ku‐Edome, bengakumbulanga ucebano lwabazalwana.
10
Ngako ndiya kutuma umlilo eludongeni lwe‐Tire, oya kuzidla izindlukazi zayo.
11
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zika‐Edome, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwake; ngokuba eputumile umzalwana wake ngesiṙele, wazonakalisa ezake izibele; ingqumbo yake yaqwenga futi, nomsindo wake wawugcina ngonapakade.
12
Ngako ndiya kutuma umlilo e‐Temani, oya kuzidla izindlukazi zase‐Botsera.
13
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zosapo luka‐Hamoni, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwalo; ngokuba luqangqulule abamitiyo base‐Gileyadi, ukuze luwandise umda walo.
14
Ngako ndiya kupemba umlilo eludongeni lwe‐Raba, oya kuzidla izindlukazi zayo; ngesimemezo emhleni wokulwa, ngoqwitela emhleni wesaqwiti.
15
Waeya kuya ekutinjweni ukumkani walo, yena nenkosana zake kunye, utsho uyehova.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9